Ezemidlalo

Ingaba sisiqalo sokubhanga kweMoroka Swallows esi?

Pedro Mapelo|Published

Kuthe tshitshilili iindaba ezithi iMoroka Swallows FC iyathengiswa ngumnikazi wayo uMnu. uDavid Mogashoa. Oku kulandela ukutsala kwayo nzima kakhulu kwicala lezimali kwisizini egqithileyo (2023/24). Ngokutsho kweSABC Sport, umnikazi weSwallows ulinde abantu abazivayo babeke into etafileni. Iingxelo zamajelo eendaba zithi uMnu. Mogashoa angathetha nomntu oza nemali eqala kwizigidi ezingamashumi amane erandi (R40-million) ukuya phezulu. Yimali encinci athengiswa ngayo amaqela adlala kwiDStv Premiership.

Iingxaki zeMoroka Swallows zemali zibhenceke ngakumbi ekuqaleni kwalo nyaka. Zange ikwazi ukubhatala abadlali iinyanga ezibalekayo. Lo nto yakhokelela ekuhambeni kwenqwaba yabadlali nomqeqeshi obeqale isizini kuyo, uSteve Komphela. Emva kokutyikitya abadlali abaliqela, iSwallows khange ikwazi ukuthwala umthwalo. Kwacaca mhlophe ukuba imali yayo ayibonelanga abadlali enabo. Ngaphambili koko, umnikazi weSwallows ukhe wathi iPSL zange ivume iqela lakhe lixhaswe nguTelkom nezinye iinkampani.

Lo nto yachaphazela kakubi indlela iqela elisebenza ngayo. Ukuthengiswa kwayo iSwallows kunokwenzeka ukuba kukubhanga kwayo. Kumthathe ixesha elide ukuyibuyisela phezulu uMogashoa emva kokuthotyiselwa kwayo iSwallows ngo2015. Ngelishwa, ayikwazanga ukufumana abaxhasi kwiisizini ezintathu ezidlale kwiDStv Premiership emva kokunyuselwa kwayo. Ukuba iSwallows ithengwa ngumntu okwelinye iphondo, kunokwenzeka ukuba iguqulwe igama njengamanye amaqela.

Iingxelo zithi bakhona abantu abanomdla wokuyithenga iSwallows noxa bengekaziveki ukuba bangoobani. Mhlawumbi abaphathi beCape Town Spurs ethotyiselweyo ekupheleni kwesizini ka2023/24 banganawo umdla wokuthenga iSwallows njengoJohn Comitis owathenga iMpumalanga Black Aces wayiguqula wayenza iCape Town City. Amaqela ebhola ekhatywayo abhangileyo emva kokuthengiswa kwayo kwiminyaka egqithileyo aquka iBidvets Wits neBloemfontein Celtic.