Ezemidlalo

Isindile ezembeni iSwallows konwaba uMusa Nyatama!

Pedro Mapelo|Published

UMusa Nyatama ngumqeqeshi weMoroka Swallows. Umfanekiso: Pedro Mapelo

UMusa Nyatama ngumqeqeshi weMoroka Swallows. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Njengokuba kusekho amaqela alwela ukuphepha izembe xa kuphela isizini, kuthe qabu kumqeqeshi weMoroka Swallows emva kokusinda kweqela lakhe. Oku kwenzeke emva kokuba iSwallows yothuse umzi ngokubetha iStellenbosch FC eyingozi ngamagowuli amabini emdlalweni obubanjelwe eDobsonville Stadium ngempelaveki egqithileyo.

Amanqaku amathathu ewafumeneyo iSwallows ayibhekelisile kulawo asabaleka imidlalo yokuxabangela ngaphezulu aqinisekisa indawo yayo kwiDStv Premiership kwisizini ezayo. Ziindaba ezimnandi kubalandeli beSwallows emva kokuxikixwa ziingxaki zemali.

Kokwesibini uMusa Nyatama esindisa iSwallows ezembeni. Uyincedile kunyaka ophelileyo isengxakini emva kokushiywa enyanyeni nguErnst Middendorp owakhetha uyokuqeqesha kowabo eJamani. Nangona wenza umsebenzi omhle, abaphathi beSwallows bajika banika uSteve Komphela isikhundla emva kokuhamba kwakhe kwiMamelodi Sundowns.

Ethetha emva komdlalo, uNyatama uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo wavuma kodwa ukuba umdlalo ubunzima. Amagowuli afakwe nguLindokuhle Mtshali kwisigaba sokuqala noGabadinho Mhango kwisigaba sesibini ngawo ancede iSwallows.

"Bekunzima ukudlala neStellies edlala kakuhle kule sizini - kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba silwele ukufumana iziphumo emdlalweni wanamhlanje," utshilo uNyatama emva komdlalo. Iifolosi zeStellies ezifana noVan Wyk noRayners zitsho zancama emdlalweni ogqithileyo ngoba abadlali abafana noKwanda Mngonyama baqinisekise ukuba akugqithi kwa nto kuDaniel Akpeyi ezipalini.

"Izamile ukusihlasela iStellenbosch - kodwa ibifika kuthi sikulungele ukunyamezela izithonga. Okusincedileyo kukusebenzisa amathuba esiwafumeneyo emdlalweni. Ndiyabavuyela abadli bethu," utshilo uNyatama.

Iqela likaSteve Barker liye kwiSwallows lifuna ukubethelela indawo yalo yesibini kwiDStv Premiership - kodwa akwabinjalo ngenxa yeSwallows edlale kakuhle. "Kuye kwanyanzeleka ukuba sihlale kwindlela ebesicwangcise ngayo. Sihleli emva kancinci ngoba besilumkele iifolosi zayo eziyingozi.

“Besiwadinga amanqaku amathathu esiwafumene namhlanje ukuze siqiniseke ukuba iSwallows ihlala kwiDStv Premiership," uvale ngaloo mazwu umqeqeshi. Noxa iRichards Bay isenethemba lokuphepha izembe emva kokubetha iPirates - kodwa yona iCape Town Spurs ithotyiselwe ngokusesikweni.