Ezemidlalo

Iphumile engxakini iSwallows ebethele iStellenbosch eyoyikwayo!

Pedro Mapelo|Published

UMusa Nyatama wenze umsebenzi oncomekayo kwakhona kwiMoroka Swallows ityeli lesibini. Oku kwenzeke emva kokuba iSwallows ibethe iStellenbosch FC ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDobsonville Stadium amalanga namhlanje. Kusashiyeke imidlalo emibini, iSwallows iphumile engxakini.

Ibethe iStellenbosch ebisoyikwa ngenxa yokuqhuba kakuhle kwayo. Okubi ngoku kukuba iza kususwa yiPirates kwindawo yesibini ukuba ikwazile ukubetha iRichards Bay elelwa ukuphepha izembe. Ngoku into engalwelwa nguNyatama kukufumana indawo kwiTop 8 elwelwa ngamaqela amaninzi kule sizini.

Umdlalo ubutaka iintlantsi eDobsonville Stadium nakubeni ibinegcuntswana labantu ababukele umdlalo. Amaqela axheshene emdlalweni - kodwa khange kubekho nto exhomisa amahlo emizuzu elishumi yokuqala. Ikwazile ukufumane iikona ezimbini iSwallows ebidlalela ekhayo nakubeni ingakwazanga ukuzisebenzisa kakuhle.

Umdlalo wona ubulawulwa yiStellenbosch FC kwisigaba sokuqala. Abadlali abafana no'Iqraam Rayners no'Antonio van Wyk bazamile ukuhlasela amatyeli aliqela - kodwa uKwanda Mngonyama noThabang Maponya badlale kakuhle kakhulu emva.

Nangona iSwallows ingakwazanga ukuwasebenzisa amathuba ebikhe yawafumana - kodwa izinto ziye zaguquka emzuzwini wamashumi amathathu anesithathu. ULindokuhle Mtshali ufake igowuli elihle leSwallows. Utsale intambula yebhola eshiye uSage Stephens edidekile emva kwebhola entle edlalwe kuqala nguGabadinho Mhango.

Idlale kakuhle iSwallows kwisigaba sokuqala ngoba ikwazile ukuzikhusela nokuncothula ubuhlungu kwiifolosi zeStellenbosch elwela indawo yesibini ebangisana ngayo ne'Orlando Pirates. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSwallows inkqenkqeza phambili ngegowuli elinye eqandeni.

Omabini amaqela angene ezimisele kwakhona kwisigaba sesibini. Ibingafuni ukulahlekelwa iSwallows ebihamba phambi. Kanti yona iStellenbosch ilwele ukufumana okungenani igowuli lokulinganisa. Iphinde yafumana elinye igowuli iSwallows kwisigaba sesibini.

Emzuzwini wamashumi asixhenxe anesibini, uMhango ufake elakhe igowuli. Akukho nto engabaliswa kangako ngomdlalo weStellenbosch kwisigaba sesibini ngoba akukho bhola ekhe yamafaka engxakini uDaniel Akpeyi ezipalini zakhe. Ukuphumelela kwayo iSwallows kuqinisekise indawo yayo kwisizini ezayo kwiDStv Premiership.