Ezemidlalo

URulani uliqhwabela izandla iqela lakhe, akanamdla kweyeVAR!

Pedro Mapelo|Published

URulani Mokwena ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns.

URulani Mokwena ngumqeqeshi weMamelodi Sundowns.

Yenze umtsi oya phambili iMamelodi Sundowns kwakhona kwiCAF Champions League. Oku kulandela emva kokuba ibethe iYoung African SC ngo'3-2 kwiipenela emdlalweni obuvutha bhe eLoftus Stadium izolo ebusuku. Abalandeli beSundowns abebephume ngendlu babukele umdlalo obusemgangathweni ophezulu ngoba omabini amaqela adlalele ukuphumelela. Nakubeni umdlalo ugqithile - kodwa ingxoxo ingeVAR ekhanyele igowuli elifakwe nguAziz Ki kwisigaba sesibini somdlalo. Emva kokuphela komdlalo, kuyiwe ngqo kwiipenela.

URonwen Williams uphinde wenza adume ngazo ngethuba ebamba iipenela ezintathu zeYanga emdlalweni obalulekileyo ePitoli. Bekunyanzelekile ukuba kubekho iqela elibethwayo izolo ngoba kwiveki ephelileyo, la maqela mabini abambene ngeqanda eTanzania. UWilliams uzicacisile izolo ukuba ungunozinti osemgangathweni ophezulu futhi ongenantanga kwicala lokuvala iipenela kwiAfrika yonke. Umqeqeshi weDowns ubaqhwabele izandla abadlali bakhe emva komdlalo - kodwa wayincoma neYanga esokolise iqela lakhe emdlalweni wayizolo.

"Mandivuyisane neYanga ngokudlala kakuhle kwiChampions League kule sizini. Ilushica futhi kunzima kakhulu ukuyiwisa ngoba iqeqeshwa kakuhle futhi inabadlali abadlala kakuhle kakhulu," utshilo uMokwena emva komdlalo ethetha neentatheli. "Mandivuyisane neSundowns eya kwisigaba esiphambi komdlalo wokugqibela okwesibini amatyeli elandelelana. Ibaluleke kakhulu lo nto kuthi. Ndizingoba isifuba ngokwenziwe liqela lonke ngokwahlukana kwabantu nezinto abazenzayo. Okwenzeke namhlanje bekulindelekile emdlalweni onjengalo.

"Emdlalweni wokuqala zange sidlale kakuhle ngoba ndicinga ukuba zange sifumane ithuba lokuzilungiselela kakuhle ngenxa yokuxakeka. Kunzima ukudlalela ekhaya ube ungafumananga gowuli ekuhambeni. Iphantse yalifumana igowuli iYanga - kodwa endingakubalula kukuba le midlalo inzima kakhulu. Okubalulekileyo kum kukuba siya phambili. Andinawo umdla wokuhlalutya umdlalo okwalo mzuzu. Ndivuyisana nabadlali abasebenze kakuhle evekini ebinzima kakhulu kuthi. Ukubetha amaqela amabini alushica evekini enye kubonise ukusebenza ngokuzimisela kwethu," utshilo uMokwena.