Iintshatsheli zeSuper 14 ezivunyiweyo yiEast London Police.
Iqela lombhoxo laseMonti ziingangalala ezivunyiweyo emva kokuba likhusele indebe kwakhona. Oku kucace gca okweKati emhlophe ehlungwini emva kokuba iEast London Police iphumelele indebe yeyona tumente yombhoxo enkulu eMpuma Koloni ekuthiwa yiEC Super Rugby 14.
AmaPolisa aseMonti abe ziintshatsheli emva kokuba ebethe iKruisfontein United ngo'16-10 emdlalweni weSuper 14 obunzima eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane, emalanga ngoMgqibelo ogqithileyo.
Noxa iEast London ikwazile ukuphakamisa indebe yeSuper 14 ityeli lesine - kodwa ayihambanga lula kwiKruisfontein ebizimisele ukuzenzela imbali nayo kwitumente yombhoxo esemgangathweni ophakamileyo.
Omabini amaqela aye emdlalweni wokugqibela enamathuba okuphumelela ngenxa yokudlala kakuhle kwawo ukusukela ekuqaleni kwetumente kwinyanga ephelileyo. Kodwa kuye kwabonakala ukuba iEast London inabadlali abanamava kwakwisigaba sokuqala esivale ikhokela ngo'10-3.
Nangona ingakwazanga ukuphumelela eyona ndebe yombhoxo yexabiso kwiphondo leMpuma Koloni - kodwa iKruisfontein iya kuxoliswa yindlela elwe ngayo kwisigaba sesibini futhi nalinani lemidlalo eyiphumeleleyo phambi kokufika emdlalweni wokugqibela kwitumente yalo nyaka edlalwe ngamaqela aphambili embhoxwenu kwiphondo lonke.
Ubancomile abadlali bakhe kwiEast London Police emva komdlalo uYongama Mkaza, ngakumbi abebeqala ukudlala umbhoxo kwinqanaba eliphezulu. "Ndivuya kakhulu emva kokuba siphumelele namhlanje", utshilo uMkaza emva komdlalo obubanjelwe eMdantsane kwimpelaveki egqithileyo. "Idlale ngendlela ebesiyilungiselele ngayo iKruisfontein. Size emdlalweni wanamhlanje sizixelele ukuba siza kwenza imbali.
“Khumbula ukuba siye emdlalweni wokugqibela siziintshatsheli ezikhuselayo. Besizimisele ukuphumelela nokuba kungenqaku elinye. Sinabadlali abatsha abaziqaqambisileyo namhlanje ukuba bayawudlala umbhoxo. Andinamazwi emva kwempumelelo yethu," utshilo uMkaza emva komdlalo.