Yenze umtsi oya phambili i'Orlando Pirates emva kokuba ibethe iPolokwane City ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium namhlanje emalanga. Igowuli ephumelele ngalo iPirates lifakwe yifolosi, uEvidence Makgopa, kwimizuzu eliqela kuqale isiqinga sesibini somdlalo. Umdlalo ubungataki iintlantsi ngendlela ebekulindeleke ngayo la maqela mabini - mhlambi, ubushushu basePolokwane bubenalo ifuthe kulo nto.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela omabini enkonye iqanda. Iqela elidlale umdlalo ongcono kwisigaba sokuqala ibiyiPolokwane City noxa ingakwazanga ukusebenzisa amathuba ewafumeneyo emdlalweni. Nakubeni kunjalo, yiPirates kodwa eqale yankqonkqoza ezipalini zePolokwane. UPatrick Maswanganyi, onikwe iwonga lomdlali oqaqambileyo emva komdlalo, ufumene ithuba emzuzwini weshumi - kodwa ngelishwa lakhe, ibhola yakhe iphume ecaleni kweepali.
Emva koko u-Oswin Appollis ukhabe ibhola ethe qelele kunozinti. Khange yenze monakalo kuSipho Chaine obuyele endaweni yakhe kwiPirates. Ayinikwanga ipenela iPirates emva kokuba uLebohang Nkaki ebambe ibhola ebhokisini. Khange kube kudala, uAppollis uqabelise enye ibhola ebibekwe phantsi endaweni entle kufuphi nomhlaba kanozinti. Omnye wabadlali bePirates, uRelebohile Mofokeng, uphantse waliqhufuza iqanda - kodwa umzamo wakhe uphazanyiswe nguManuel Sapunga ezipalini.
Izinto ziyihambele kakuhle iPirates kwisigaba sesibini ngoba ikwazile ukufumana igowuli nakubeni umdlalo wayo ubungancumisi. Amanqaku amathathu ayithathe iPirates ayilahla kwindawo yesine kwiDStv Premiership. Ngoku inamashumi amabini anethoba amanqaku emva kwemidlalo elishumi elinesibhozo kule sizini eqhubekayo. Kanti yona iPolokwane City ihleli kwindawo yethoba. Komnye umdlalo wayizolo ngorhatya, iStellenbosch FC ibambene neChippa United ngegowuli elinye macala eDanie Craven Stadium.