UJenny van Dykk ngumqeqeshi weSPAR Proteas. Umfanekiso: Facebook
UJenny van Dyk uchongwe waziswe njengomqeqeshi omtsha weSPAR Proteas izolo. Oku kwenzeke emva kokuba kuqengqeleke iinyanga eziliqela kukhangelwa umqeqeshi emva kokuhamba kukaNorma Plummer ekuthambekeni konyaka ophelileyo. UPlummer uye wabuyela kowabo eAustralia ngoba iNetball South Africa yambuyisa kuba yayifuna ancede iSPAR Proteas ngethuba letumente yehlabathi ebibanjelwe eKapa kunyaka ophelileyo. Ngethamsanqa, uVan Dyk akemtshanga kwiqela lesizwe lomnyazi ngoba ibinguye isekela likaPlummer.
Yena uVan Dyk uza kuncediswa nguZanele Mdodana owaziwayo kwiqela lesizwe kwa ngeentsuku zakhe zobutsha esengumdlali womnyazi. Kanti ukhe wanguye nomqeqeshi oyintloko kwiStellenbosch University Marties. Isivumelelwano sengqesho somqeqeshi oyintloko sithi uza kuxhuzula imikhala iminyaka emine. Siya kuhlaziywa kuphela xa ekwazile ukunceda iqela lesizwe livelise iziphumo ezincumisayo. Eminyakeni egqithileyo, uVan Dyk uke wasebenza njengomchongi weqela lesizwe.
"Simfumene umntu ofanelwe kukuqeqesha iqela lesizwe. Emdlalweni womnyazi eMzantsi Afrika, akukho nto angayiphumelelanga," utshilo uMongameli weNetball South Africa, uCecilia Molokwane, esazisa uJenny van Dyk njengomqeqeshi omtsha. "Inkqubo esiyisebenzisileyo ekukhangeleni umqeqeshi ibinzima ngoba besifuna ukuqiniseka ukuba sifumana umntu okufaneleyo ukuqeqesha iSPAR Proteas. Njengokuba sinabadlali abayekayo ukudlalela iqela lesizwe, sidinga umqeqeshi oza kwakha iqela elitsha. Siqinisekile ukuba sifumene umqeqeshi," utshilo uMolokwane.
UMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa, ukwamkele ngovuyo ukuchongwa kukaVan Dyk watsho emnqwenelela okuhle. Yena uVan Dyk ulibulele ithuba alinikiweyo. "Ndonwabe kakhulu. Yinto ekukudala ndiyisebenzela le. Sendingxamele ukudibana neentombi zethu siqale umsebenzi. Into ephambili kuthi kukuthatha iqela lesizwe silise phambili. Siyazi ukuba lingaphumelela. Kufuneka sibeke iingqondo zethu kulo nto," utshilo umqeqeshi omtsha noxa enethuba elide kwiqela lesizwe.