Sanele Nohamba. Umfanekiso: Facebook
Izinto zimhambela kakuhle uSanele Nohamba odlalela iqela lombhoxo laseGauteng, iLions. Le ndedeba yakwaNohamba iqale ngokudlalela iCell C Sharks kwiminyaka edlulileyo. Kodwa ngenxa yokunganikwa ithuba lokudlala, yazichitha iintente yayokuzigxumeka eGoli - apho idlalela khona iEmirates Lions. Emva kokunikwa ithuba lokudlala, uNohamba (25) walibambe ngazo zozibini kwiLions wade waphandla iliso likaRassie Erasmus onikwe uxanduva lokuqeqesha AmaBhokobhoko emva kukuba ebuye nendebe yehlabathi phantsi kwesandla sikaJacques Nienaber.
Njengokuba uErasmus ezama ukuhlaziya iqela lesizwe lombhoxo elinabadlali abadlala abaliqela, uRassie ukhwebe abadlali abaninzi aza kubajonga enkampini ukuze emva koko abafake kwiqela lesizwe lombhoxo. Ngenxa yokudlala kwakhe kakuhle kwiLions, uNohamba ufumene ithuba elihle lokubizelwa enkampini ngumqeqeshi. "Iinyanga zokugqibela kwiSharks zange ndizonwabele ngoba ndandingadlaliswa. Ndagqiba kwelokuba ndize eGoli ukuze ndizokudlala umbhoxo ndonwabe, emva koko ndibone ukuba kwenzeka ntoni," utshilo uNohamba kutshanje.
"Xa udlaliswa rhoqo, uba ngumdlali obhetele. Ndineetshomi kwiSharks, kumnandi ke ukudlala neqela osuka kulo. Kodwa kuthi ngumdlalo ekufuneka siwuphumelele. Sizimisele ukudlala kakuhle ukuze sikwazi ukuya emidlalweni yokuxabangela. Yeyona nto esiyifunayo leyo," utshilo uNohamba osebenze kakuhle wade wabonwa nguRassie. "Makunconywe abaqeqeshi nabadlali endidlala nabo. Ngabo abandinika ithuba lokudlala umbhoxo ndikhululekile. Ndisazama ukuphucula indlela endidlala ngayo.
"Ndizama ukuphucula indlela endidlala ngayo ngoba ndifuna ukuzibona ndikwelinye inqanaba elingasentla. Kuhle xa abadlali benikwa ithuba lokukhuphisana kwiqela lesizwe. Andikwazi ukulidelela ithuba endilinikwayo ngoba kubalulekile ukusebenzela ukukhulisa indlela odlala ngayo. Umgangatho wabadlali abadlali abadlali indawo endiyidlala uphezulu. Ngoba abadlali beqela lesizwe badlala kakuhle, kunyanzelekile nathi sinyuse umxakatho. Ukukhuphisana kwabadlali yinto entle," utshilo uNohamba ongaqukwa nguRassie emidlalweni yamazwe ngamazwe.