UCavin Johnson ngumqeqeshi weKaizer Chiefs.
Akakholwanga konke konke umqeqeshi weKaizer Chiefs yindlela edlale ngayo umdlalo ogqithileyo. UCavin Johnson uphalaze imbilini yakhe emva kokuba iChiefs ibambene ngeqanda macala neRoyal Am emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eHarry Gwala Stadium ngempelaveki egqithile.
Njengokuba amaqela adlala kwiPremier Soccer League ebengadlali ngethuba kuphubeka iAfrica Cup of Nations, abantu bebelindele umdlalo otaka iintlantsi. Ngelishwa labo, amaqela omabini adlale umdlalo odikidiki.
UJohnson uthi iqela lakhe bekufanele ukuba lenze umsebenzi obhetele emdlalweni ogqithileyo. Ngumdlalo engeyiphumelele ngaphandle kwamathandabuzo iChiefs ukuba ifolosi yayo, uAshley Du Preez, ibikwazile ukusebenzisa kakuhle amathuba.
Emdlalweni weDStv Premiership, iChiefs ayikayibethi iRoyal Am oko yabakho. "Sifumene ithuba eliziiveki ezintandathu zokuziqeqesha. Kodwa sidlale ngathi kuqala isizini. Ngoku sisesiphakathini sesizini, sisadlala ngathi kuqala isizini," utshilo uJohnson emva komdlalo KwaZulu-Natal.
Umqeqeshi ubalule ubushushu njengeyona nto ebenomthelela kwindlela iChiefs edlale ngayo umdlalo ogqithileyo. "Siza kulithatha inqaku elinye sigoduke. Umdlalo ozayo siza kuzama ukuwuphumelela. Bekushushu, abadlali abakwazanga ukudlala kakuhle ngendlela ebesicinga ngayo.
“Kufuneka sidlale bhetele xa siphethe ibhola. IChiefs ayiloqela elifana namanye. Liqela elikhethekileyo elifanele kukudlala umdlalo okhethekileyo kwamanye amaqela," utshilo uJohnson owanikwa uxanduva lokubuyisa isidima seChiefs kunyaka ophelileyo.
Amakhosi aza kufumana ithuba lokugqibela lokuncumisa abalandeli njengokuba kuqale imidlalo yeNedbank Cup. Ngentsimbi yesithandathu emalanga ngeCawe, Amakhosi aza kudibana neMilford FC emdlalweni weNedbank Cup oza kube useFNB Stadium.
Ukudlala neqela elidlala kwiMotsepe Foundation Championship bekufanele ukuba yinto elula kwiqela elikhulu njengeChiefs - kodwa akunjalo. Ibethwe amatyeli aliqela kwiNedbank Cup eminyakeni engaphambili ngamaqela amancinci. Eli lithuba lokugqibela leChiefs lokugweba indlala yeminyaka elithoba.