Ezemidlalo

UDeon Hotto uthi banenduku esemgqubeni yokothusa iMali

Pedro Mapelo|Published

Omnye wabadlali beNamibia abaphambili, uDeon Hotto, uthi ayibothusanga konke konke indlela odlale ngayo uMzantsi Afrika ebusuku ngeCawe egqithileyo. INamibia ibethwe ngemvula yamagowuli amane eqandeni ngaBafana Bafana emdlalweni wesibini kwiAfrica Cup of Nations (Afcon).

Oomakhelwane badibene naBafana Bafana bekhuthazekile emva kokuba bebethe iTunisia ngegowuli elifakwe nguHotto emdlalweni wokuqala kwiveki ephelileyo. Ukubethwa kwayo iNamibia kuyithathe kwayibeka kwindawo yesithathu, ezantsi koMzantsi Afrika okwindawo yesibini ezantsi kweMali.

Ekugqibeleni kwindawo yesine kuhleli iTunisia esakhangela impumelelo emva kwemidlalo emibini eyidlalileyo kwiAfcon. Abantu abaninzi bothukile xa uMzantsi Afrika ufaka amagowuli amane emdlalweni ogqithileyo - kodwa uHotto odlalela iPirates uxelele iDisksi Times ukuba ayibothusanga bona indlela odlale ngayo.

"Asothukanga thina. Wenze iinguqu ezimbini eziye zacacisa eyona nto obuyifuna," utshilo uHotto emva komdlalo. "Bafake uKekana emva ukuze badlale ngabadlali abane. Kuye kwanyanzeleka ukuba ndimane ndincedisa uRiaan Hanamub ngenxa kaThapelo Morena noMudau abebedlala ekunxele.

Kodwa besisazi ukuba aBafana Bafana baza kuhlasela. Masincome ngoba bazifumene iziphumo abazifunayo. Okwethu ngoku kukuba sibeke iingqondo zethu emdlalweni olandelayo," utshilo uHotto.

Nangona iNamibia ingakwazanga ukufumana igowuli kuMzantsi Afrika - kodwa ikwazile ukudala amathuba. Iya emdlalweni olandelayo inethemba lokulungisa iziphene ifumane amanqaku ewadingayo. Umdlalo weNamibia olandelayo uza kuba nzima ngoba iMali ifuna ukuqinisekisa indawo yayo kumjikelo olandelayo.

"Sizithembile futhi siza kuyothusa iMali emdlalweni esiya kuwo. Kunyanzelekile siphumelele - kodwa ke sakuthetha ngomdlalo ngoLwesithathu," utshilo uHotto. Umdlalo ophakathi kweNamibia neMali uqala ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya eStade Laurent Pokou Stadium ngomso (Lwesithathu).