Iqela laseMpuma Koloni, iSunrisers Eastern Cape, liphinde laziqaqambisa ngethuba liphumelela umdlalo ngendlela encumisayo. Ngorhatya lwangoMvulo wale veki, iSunrisers ibeke izandla yanaba iPretoria Capitals ebethwe ngoothinti abalithoba bonke emdlalweni obutaka iintlantsi eSt George's Park, eGqeberha. Abadlali beSunrisers bayikhuphe yonke iPretoria Capitals yenze ibathwana lemitsi engamashumi amahlanu anambini. Bekukho ukufuma ebaleni okubangelwe yimvula ebikhe yathi fatsha phambi komdlalo wangoMvulo.
Ekuqaleni kwamangeno wePretoria Capitals, abadlali abaquka uPhil Salt noWill Jacks bawuqale kakuhle umdlalo weqakamba bebetha ibhola bade badibanisa amashumi amabini anesihlanu kungekho thinti owileyo. Kodwa izinto ziye zajika xa uMarco Jansen no-Ottniell Baartman bekhupha amadoda aziwayo emdlalweni weqakamba afana noJacks noRilee Rossouw. Impumelelo yeSunrisers iyibeke kwindawo yesibini kwiBetway SA20 League ezantsi kwePaarl Royals ehleli phezulu.
Emva komsebenzi omhle owenziwe yiSunrisers, ngoku ishiywa ngamanqaku amathathu qha yiPaarl Royals. Yinkuthazo enkulu leyo kwiintshatsheli zonyaka ophelileyo. Akothusi oku ngoba iSunrisers iqeqeshwa ngoongqondongqondo beqakamba abafana noAdrian Birrell, Baakier Abrahams, uDale Steyn noRyan Cook. UBaartman ngomnye wabadlali abenze indima ebonakalayo emdlalweni wayizolo.
"Bekukho umoyana okhoyo. Lo nto ibenalo ifuthe kwindlela ibhola ehamba ngayo. Isincedile imozulu ngoba sikwazile ukulisebenza ibala. Ibhola ibibaleka kakhulu emhlabeni. Awukwazi ke ukumshiya usitampu ngoba nantoni ingenzeka xa uhlasela. Bekufanele benze ngcono kunendlela abadlale ngayo - kodwa sizincede ngokuwisa oothinti," utshilo uBaartman. Iqela laseMpuma Koloni liza kudibana nePretoria Capitals kwakhona emdlalweni