UMfundo Vilakazi ngumdlali weKaizer Chiefs.
Omnye wabadlali abanekamva eliqaqambileyo ebholeni ekhatywayo, uMfundo Vilakazi, uncwase ukudlalela iKaizer Chiefs endala emva kokuziqaqambisa kwiCarling Black Label Cup kutshanje. UVilakazi, odlalela iChiefs ekwiDiski Challenge, ebephakathi kwabadlali abancinane abafumene inyhweba yokuba yinxalenye yeCarling All Star ebethe iStellenbosch FC eziintshatsheli zeCarling Knockout zika2023. Omnye wabadlali abafake amagowuli emdlalweni weveki ephelileyo nguVilakazi oneshumi elinesixhenxe leminyaka.
Noxa iChiefs eqeqeshwa kuCavin Johnson sele imfake phantsi kwekwapha - kodwa uMfundo ufumene ithuba elinqabileyo ngethuba edlalela iCarling All Star ebiqeqeshwa nguJose Riveiro we'Orlando Pirates. Emva komdlalo uMfundo ubalule akuxelelwe ngumqeqeshi nokukhokelele ekuqhubeni kwakhe kakuhle emdlalweni. "Ndibenze bonwaba abantu ngendlela endiqhele ukwenza ngayo xa ndidlala kwiMultiChoice Diski Challenge," utshilo uVilakazi.
"Umqeqeshi uthe ndingoyiki xa ndiphethe ibhola futhi ndingoyiki ukwenza izinto endiqhele ukuzenza kwiMDC. Lo nto indonwabisile futhi indincedile ngoba ndiye ndadlala ngendlela endiqhele ukudlala ngayo. Enkampini siye sachitha ixesha sincokola namanye amajita. Sithethe kakhulu ngothando abantu abasibonise lona satsho sisithi kufuneka sibavuze ngokwenza lo nto. Ndinethemba lokudlalela iChiefs endala okokuqala apha kunyaka ka2024," utshilo uVikalazi echwayitile.
Kwangaxeshanye, uVilakazi ufumene amazwi enkuthazo ku-Itumeleng Khune ongugxa wakhe kwiCheifs obengomnye wabadlalele iCarling All Star. Uthe uMfundo makabeke ingqondo yakhe ebholeni. "Ndandinalo iphupha nam phambi kokunyuselwa kwam njengaye. Ngoko kwakungekho nethuba abalifumana kwiMDC. Ndafumana ithuba, ndadlala kakuhle kuba uBrian Baloyi wayehamba kwiChiefs. UMfundo makazimisele, angalilahli ithemba ngoba ixesha lakhe liyeza," utshilo uKhune.