UHeinrich Klassen ngumdlali weqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba.
Omnye wabadlali abaphambili emdlalweni weqakamba eMzantsi Afrika, uHeinrich Klaasen, ugqibe kwelokuba abeke phantsi. UKlassen, owaziwa kakhulu ngokubamba ibhola yeqakamba emva kwezinti ebaleni nokubetha ibhola, uxelele amajelo eendaba ukuba uyayeka ukudlalela iqela lesizwe emidlalweni yovavanyo.
Lo kaKlassen, 32, ubeka phantsi kanye ngexesha abaluleke ngalo kwiqakamba yaseMzantsi Afrika. Waqala ukudlalela iqela lesizwe ngonyaka ka2019, uMzantsi Afrika udibene ne-India emdlalweni wovavanyo.
Yinqwaba yemidlalo ayidlalileyo ukusukela ngala nyaka. Iyonke imidlalo yovavanyo ayidlalileyo uHeinrich ingamashumi asibhozo anesihlanu. Kuloo midlalo wenze imitsi engamawaka amahlanu anamakhulu amathathu anamashumi amane anesixhenxe (5347).
Ukuyeka kwakhe uKlassen kulandela ezithendeni zikaQuinton de Kock obeke phantsi emva kokudlala kakuhle kakhulu kwitumente yehlabathi ebibanjelwe e-India phambi kokusongwa konyaka ophelileyo.
Ethetha ngesigqibo sakhe esothuse abantu abaninzi, uKlassen uthe bekungekho lula kuye ukuyeka - kodwa ngenxa yezinto ezininzi ezenzekileyo kuye kwanyanzeleka ukuba athathe isigqibo. "Ndigqibe kwelokuba ndibeke phantsi kuyo yonke iqakamba enebhola ebomvu.
“Sisigqibo endithathe ixesha phambi kokusenza. Sendinethuba elide ndisilwa amadabi ebaleni nangaphandle ebaleni leqakamba. Bekumnandi ukumela ilizwe lam emidlalweni yezizwe," utshilo uKlassen.
"Ndiyeka kwimidlalo yovavanyo ndinembali entle kakhulu. Ndibulela wonke omntu othe wanegalelo kumntu endinguye namhlanje emdlalweni weqakamba," utshilo uKlassen ongayekanga ngokupheleleyo kwiqela lesizwe leqakamba.
Umlawuli weCricket South Africa, uEnoch Nkwe, uvumile ukuba akumnandanga ukulahlekelwa ngumdlali ofana noKlassen emidlalweni yovavanyo. "Akululanga ukuphulukana nomdlali ofana noKlassen - kodwa kuhle ngoba uza kuqhubela phambili nokudlala kwimidlalo yebhola emhlophe," utshilo uNkwe.