Ezemidlalo

Ivale omnye unyaka kakuhle iMamelodi Sundowns Ladies!

Pedro Mapelo|Published

Iintshatsheli zeHollywoodbets Super League zika2023.

Iintshatsheli zeHollywoodbets Super League zika2023.

Iphinde yazibonakalisa iMamelodi Sundowns Ladies ukuba ayinantanga ebholeni yamanenekazi eMzantsi Afrika ngokuthatha enye indebe ebalulekileyo. Oku kucace gca ngethuba iSundowns Ladies iphakamisa indebe yeHollywoodbets Super League emva kokubetha iTS Galaxy ngegowuli elinye eqandeni kwiveki ephelileyo. Ibikokwesine iSundowns iphakamisa eyona ndebe ebalulekileyo ebholeni yamanenekazi eMzantsi Afrika.

Oku kwenzeke emva kokuba iSundowns Ladies ibuye ithe qhiwu indebe yeCAF Women's Champions League ekupheleni kwenyanga yeNkanga. Impumelelo yamanenekazi kuqaqambise ngakumbi ubunganga beMamelodi Sundowns emanenekazi nasemadodeni kwizwekazi le'Afrika lonke. UKapteni weSundowns Ladies, uZanele Nhlapho, ubaqhwabele izandla oogxa bakhe emva kokuba bevale unyaka ngendlela encumisayo.

"Ndizingomba isifuba ngendikwenzileyo nokwenziwe liqela lonke. Lo nyaka ubunzima kuthi kakhulu. Sidityaniswe namaqela alushica kuzo zonke iindebe esiziphumeleleyo. Okusincumisayo kukuba sigqwese kuyo yonke imidlalo yeendebe.

Bekukubi kuthi kunyaka ophelileyo emva kokuphulukana neendebe. Siyavuya kodwa ngoba sikwazile ukuphumelela kwakhona," utshilo uNhlapho emva kokuba iSundowns Ladies iphakamise indebe yeSuper League ekhatshwe zizigidi ezibini zerandi (R2-million).

Omnye wabadlali abaphambili kwiDowns Ladies, u-Oratile Mokwena, ubancomile naye oogxa bakhe emva kokuwisa iTS Galaxy ebizimisele. "Besizimisele ukuwuphumelela umdlalo ukuze sigcine indebe yethu. Sonwabile kakhulu - kodwa mandivume izinto bezinzima kulo unyaka. Amaqela asisokolisile kakhulu.

Okusivuyisayo kukuba sikwazile ukulwela zonke iindebe zethu. Noxa bekukho uxinizelelo - kodwa sikwazile ukuvuyisa abalandeli beSundowns Ladies. Ndiyazingca ngesikwenzileyo kulo nyaka," utshilo uMokwena.