Eric Tinkler.
Umqeqeshi weCape Town City, uEric Tinkler, uthi iqela lakhe alikho phakathi kwamaqela anokuphumelela indebe nangona likwazile ukususa iMamelodi Sundowns kwindawo yokuqala. ICape Town City ibhukuqe iSundowns enexesha elide iphezulu kwiDStv Premiership emva kokuba ibethe iGolden Arrows ngegowuli elinye emdlalweni obungorhatya ngeCawe egqithileyo kwiphondo laKwaZulu-Natal.
Oku kwenzeke emva kokuba iCity iqokelele amashumi amabini anesihlanu amanqaku emidlalweni yeDStv Premiership elishumi elinesithathu. Ibe ngumsebenzi onzima ukususa iSundowns phezulu eyagqibela ukudlala imidlalo yeDStv Premiership kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini ngenxa yemidlalo yeCAF.
“Injongo yethu kukwakha iqela elomeleleyo,” utshilo uTinkler emva kokuba iqela lakhe liphumelele ngegowuli elifakwe nguKhanyiso Mayo ofumana amagowuli ngendlela encumisayo emva kokungayiqali kakuhle isizini eqhubekayo. “Sifuna ukuvala isizini siphakathi kwamaqela amane okanye amahlanu aphambili xa kuvalwa isizini. Esikwenzayo ngoku kukujongana nomdlalo ngamnye.
“Sifuna ukuqinisekisa ukuba sidlala kakuhle emdlalweni olandelayo ukuze sifumane iziphumo ezihle. Andifuni ukuzisikela enqatheni ndithi siza kulwela ukuphumelela indebe ngoba andifuni ukubeka uxinizelelo kubadlali bam,” utshilo uTinkler. Uyazi ke kambe ukuba iSundowns ingabuyela endaweni yayo ingaphelanga le veki.
Njengokuba iSundowns idibana neSuperSport United emdlalweni weDStv Premiership ekulindeleke ukuba utake iintlantsi ePitoli. Amasandawana abuyela emidlalweni yePSL ekhuthazekile emva kokuphumelela indebe yeAfrican Football League. Kanti kwiveki ephelileyo, iSundowns ibethe iqela laseMauritania emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium.