Amahashe aphalayo aza konwabisa abantu kwiBerlin November efinca ishumi leminyaka. Umfanekiso: Uthunyelwe
Ukuba ufuna ukonwaba, inye indawo enolonwabo ngempelaveki: yiBerlin November. Nangona iyindawo ephambili kwicala lolonwabo eMpuma Koloni – kodwa ngoku itsala umdla wabantu abasuka kwamanye amaphondo.
Owalo unyaka umnyhadala uza kuthi chatha kuneminye iminyaka ngoba iBerlin November iza kube ifinca iminyaka elishumi ngesitayile. Ngokufanayo neminye iminyaka, abantu abaye eNtabozuko ekufuphi eQonce, baza konwabela amahashe aphalayo nawomhambi.
Amahashe asuka kwiindawo ngeendawo aza kukhuphisana ngezigubha zamabhaso. Kanti kwelinye icala, amanxila emculo aza konwatyiswa ziimvumi ezahlukeneyo imini yonke yangoMgqibelo.
Phakathi koosaziwayo abaza kubhexesha iinkqubo zeBerlin November kukho abantu abafana noReggie Solani, Amaza Ntshanga, uLusanda Mbane noYarees. Kwicala leemvumi, kukho iJaziel Brothers, uVusi Nova, uSomizi, uKaylow, uZuko SA, uDato Seiko, uBig Xhosa, uLuckeez noPostor The DJ nezinye.
Okwahlukileyo kulo nyaka kukuba abantu abathenge amatikiti kwiindawo ezifana neQonce, uMdantsane nasedolophini eMonti baza kuthathwa ziibhasi zikaMayibuye simahla. Injongo yokuthuthwa kwabantu kukucutha inani leengozi ngexesha likaxakeka.
“Kuyasivuyisa ukubambisana noMayibuye ngoba kuphungula umthwalo kwiindwendwe zethu. Umntu kufuneka azame ukufika ngexesha ngoba iibhasi ziza kuthatha umntu ofike kuqala,” utshilo uSinethemba Gayiza.
Isebe leZothutho liza kuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela. “Sivuyiswa kukuba yinxalenye yeBerlin November egqiba iminyaka elishumi. Lo ngumnyadala omkhulu kweli phondo lethu futhi otsala abantu abaninzi.
Siqinisekile ukuba uza kusinceda sidlulise umyalezo ongokhuseleko ezindleleni,” utshilo uBinqose (Unathi). Iindawo ekukhwelelwa kuzo iibhasi: East London City Hall, Golden Highway (Mdantsane Sasol) nakwaSteers, eQonce phakathi kwentsimbi yeshumi elinanye nentsimbi yokuqala.