Umphathi weXaba Boxing Promotions, uAyanda Matiti noPhumelela Cafu oyimbethimanqindi. Umfanekiso: Facebook
Njengokuba kusongwa unyaka, abantu baseMonti baza kuvala unyaka ngetumente yamanqindi esemgangathweni ophezulu. Inkampani yabathelekisi, iXaba Boxing Promotions, ithembisa abantu ngemilo eza kutaka iintlantsi kwitumente yamanqindi ebekelwe umhla weshumi elinesithandu kwinyanga yoMnga.
Umlo ophambili uza uphakathi kukaLandile Ngxeke noLusizi Manzana. Esichengeni kukho intshinga yeSA bantamweight ebikade ikuRonald Malindi ongasekhoyo emva kokugetyengwa kwakhe kwinyanga ephelileyo.
UMalindi, obe yimbethimanqindi yaseLimpopo, uhambe eyikhusele izihlandlo ezine intshinga yakhe. Ngoku onke amehlo abekwe kuNgxeke noManzana – iimbethimanqindi ezisaze ngobuso ezweni futhi ezizimisele ukuziqaqambisa emanqindini aseMzantsi Afrika.
Zombini iimbethimanqindi zizimisele ukuxwaya intshinga ngomhla womlo. Nakubeni kuza kucaca ngomhla omkhulu – kodwa indoda ezimiseleyo, yeyona eza kuphumelela e’Orient Theathre, eMonti.
Isikhulu seXaba Promotions, uAyanda Matiti, sithi abantu mabaye e’Orient Theathre – edume ngokuvelisa iintshatsheli. Sisihlanu sonke semilo eza konwatyelwa ngabalandeli bamanqindi ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga ezayo.
“Ukusukela oko saqala, iza kuba kokokuqala sinetumente ekulwelwa kuyo iintshanga ezingaka,” utshilo uMatiti kwiphephandaba laseGoli. “Itumente yethu ifana nesipho seKlisimesi ebantwini baseMonti nabo babuyela emakhaya abasebenza kwiindawo ezikude.
“Kunzima ukutsho ukuba yeyiphi imbethimanqindi eza kuphumelela. Ndicinga ukuba uManzana unamathuba okuphumelela alinganayo noLandile. Kodwa ndicinga ukuba ayikho imbethimanqindi ekudidi lentambanani enokumbetha uLandile,” utshilo uMatiti.
Omnye umlo oza kunika umdla ebantwini uphakathi kukaPhumelela Cafu othathana no-Enathi Stelle. UCafu yintshatsheli ye-IBF International junior bantamweight ekhe yabamba intshinga yeWBF International neWBA Intercontinental.
Komnye umlo, uAsanda Gingqi uza kube ekhusela intshinga yakhe yeSA junior lightweight kuThembani Mbangatha waseKapa. Emlweni wamanenekazi ekuphela kwawo, uNozwelethu Mathontsi waseGqeberha uza kudibana no-Owethu Rula waKwaZulu-Natal emdlalweni wentshinga yeSA lightweight. Amatikiti okungena emnyango axabisa iR200 – kodwa yiR500 awendawo zezitatanyiswa.