Siya Kolisi noMakazole Mapimpi.
Kungaphelanga nenyanga le yembala kubhiyozelwa impumelelo yeqela lesizwe lombhoxo, sekuvakele ukuba kuye kwagqekezwa endlini yeSouth African Rugby Union – iSARU ngamafutshane.
Ekuqaleni kwale veki, kuye kwajikeleza ividiyo eshicilelweyo kumakhasi onxibelelwano ebonisa amadoda amabini eqhekeza i-Ofisi yeSARU. Ingxelo ithi abaqhekezi bathathe izikipha ezisayiniweyo ezihlanu, utywala bexabiso neeLaptop ezisibhozo.
Kanti kuvakele ukuba kubiwe amashumi amathandathu eeLaptop kwesinye isakhiwo ngosuku olunye. Kuvulwe amatyala amabini ngamaPolisa aseKapa emva kweziganeko ezibini.
Ngethamsanqa, kuyo yonke into eyenzekileyo – iNdebe yeHlabathi isindile kubaqhekezi. AmaPolisa acele umntu onganolwazi ngokuqhekezwa kwendlu yeSARU ukuba aqhakamshelane nomcuphi kwinombolo yomnxeba: 082 777 8499 | 08600 10111.
Konke oku kulandela emva kokuba AmaBhokobhoko enze imbali kwinyanga yeDwarha ngokuphumelela iNdebe yeHlabathi ityeli lesine. Kanti uMzantsi Afrika ubuyithatha okwesibini amatyeli elandelelana.
Ngonyaka ka2019, AmaBhokobhoko ayiphakamisa emva kokubetha iNgilane emdlalweni wokugqibela eJapan. Emva kokubuya kwawo bendebe ebiseFrance kulo nyaka, abadlali baye baphumla iintsuku ezimbalwa, emva koko babhiyoza nabantu baseMzantsi Afrika.
Batyelele amaphondo amane: iGauteng, iNtshona Koloni, iKwaZulu-Natal neMpuma Koloni ekugqityelwe kuyo kwimpelaveki yokuqala kule nyanga yeNkanga. Impumelelo yeqela lesizwe lombhoxo yinto abayivuyele kakhulu abantu baseMzantsi Afrika.
Kuzo zonke iindawo AmaBhokobhoko ahambe kuzo, amkelwe ngamawakawaka abantu. Ukuba ibithathiwe ngootsotsi indebe, ibiza kuba yinto embi kakhulu futhi ebiza kubeka ibala elibi elizweni lonke loMzantsi Afrika elisazama ukuqingqa kwicala lezeqoqosho emva kokuntlithwa sisifo esingubhubhane (iKhorona) esaqala ngonyaka ka2019 eChina.