Ibhola ekhatywayo yaseMzantsi Afrika igutyungelwe lilifu elimnyama kwakhona. Oku kulandela ukuvakala kweendaba ezimbi ezithi unozinti weSuperSport United, uGeorge Chigova, uswelekile izolo. Ingxelo ithi uChigova uye waqala ngokuwa ezilolonga kwinto ekucingeleka ukuba yoyamene nentliziyo.
UChigova, 32, ukhuphisene nabadlali abafana nomkhaya wakhe uWashington Arubi okwa ngunozinti omdala – kodwa onethuba elide kakhulu engunozinti ebholeni yaseMzantsi Afrika.
Ngumdlali wesibini lo olanduleleyo eli limagad’ ahlabayo kwiPremier Soccer League enyangeni enye. Kwiveki ephelileyo, abalandeli bebhola ekhatywayo bothuswe ziindaba zokusweleka kukaBonginkosi Ntuli – obe yifolosi yaMaZulu.
Ungcwatyiwe kwiveki ephelileyo eshiya umfazi wakhe emva kweenyanga ezintathu etshate naye kulo nyaka. Phambi kokudlalela Amatsatsantsa a Pitori, uChigova waseZimbabwe uziqaqambise kwiqela lebhola ekhatywayo laseLimpopo ekuthiwa yiPolokwane City.
Iqela akhe walidlalela, iSuperSport United, likhuphe ingxelo elivakalise kuyo ukukhathazeka kwalo yinto eyehlileyo. “Kusonzakalisile ukuva iindaba zokusweleka kukaGeorge Chigova. Ebengumdlali oziphethe kakuhle kweli qela lethu futhi ebethandwa ngabadlali adlala nabo ngoku nababedlala ngaphambili. Ufike apha kwiSuperSport ngonyaka ka2020 esuka kwiPolokwane City ayidlalele ukusukela ngonyaka ka2015.
Nakubeni edlale imidlalo esixhenxe – kodwa usebenzisene kakuhle nabanye abadlali abafana nRonweni Williams, uRichardo Goss noBoalefa wade wadlalela neqela lesizwe lakhe. Nangona ixesha lakhe liphele kwinyanga yeSilimela – kodwa ebenganqabanga kuthi.
Sifuna ukudlulisa amazwi ovelwano kusapho lwakhe nakubahlobo bakhe,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiSuperSport United izolo. Akukacaci ukuba uza kubekwa nini na kwikhaya lakhe lokugqibela.