Kwisithuba senyanga enye, uSABC uphantse wavimba izigidi zabantu ithuba lokubukela imidlalo yehlabathi yombhoxo neyeqakamba. Kuye kwangenelela iinkampani ezizimeleyo ezithe zazibophelela ngelithi abantu abakwazi ukuphoswa ziitumente zehlabathi zikhona. Kwinyanga ephelileyo, abantu boMzantsi Afrika bothuswa sisibhengezo sejelo losasazo loluntu, uSABC, esathi alizukwazi ukusasaza imidlalo yetummente yehlabathi yombhoxo eqhubekayo eFrance ngenxa yemali eninzi eyayifunwa nguMultiChoice.
Iinkampani ezithantu, uSAB Breweries, uHollywoodbets noPineapple, ziye zahlangana zahlangula uSABC ehlazweni. Emva kokuba ugqityiwe umba wemidlalo yombhoxo, uSABC uye wathi amalungiselelo wakhe okusasaza indebe yehlabathi yeqakamba ahamba kakuhle ekuqaleni kweveki ephelileyo. Uphinde wothusa umzi uSABC ngethuba esazisa kwiveki ephelileyo sekushiyeke iintsuku ezimbalwa phambi kweNdebe yeHlabathi yeqakamba ukuba akazukwazi ukusasaza imidlalo yeProteas.
Kuye kwangenelela inkampani ephambili ye-inshorensi, uPineaple. Nguye oqinisekise ukuba abalandeli beqakamba eMzantsi Afrika babukela isiqalo nesiphelo semidlalo yeqakamba eqhubekayo kwilizwe lase-India ngaphandle kwexhala. UPineapple uthi uye wazibophelela kwakhona ngoba umanyano lwabantu baseMzantsi Afrika lubaluleke kakhulu kuye. “Emva kokuhle okuthe kwenzeka kwitumente yehlabathi yombhoxo, sibone kufanelekile ukuba sisondeze omnye umdlalo othandwa kakhulu ngabantu baseMzantsi Afrika kubo.
“Sikwenza oku sinethemba lokwakha umanyano phakathi kwabantu ngemidlalo. SinguPineapple siyaziqhenya ngokunika abantu baseMzantsi Afrika ithuba lokuxhasa iqela labo elidala kwiNdebe yeHlabathi,” utshilo uMnu. Marnus van Heerden, ongomnye wabasunguli bePineapple. IProteas, ekhokelwa nguTemba Bavuma, yenze ezibukwayo emdlalweni wokuqala ngokubetha iSri Lanka ngemitsi elikhulu elinesibini (102) emdlalweni obungoMgqibela ogqithileyo.
Okuye kwancasa ngakumbi ebantwini baseMzantsi Afrika kukuba iqela labo lenze imbali ngokwenza imitsi emininzi kakhulu (428 SA/ 326 SL) kwimbali yetumente yehlabathi yeqakamba. Abadlali abathe benza indima ebonakalayo kwimpumelelo yoMzantsi Afrika baquka uRassie van der Dussen, Aiden Markram noQuinton de Kock – abathe benza ikhulu lemitsi umntu ngamnye kubo emdlalweni ogqithileyo. UMzantsi Afrika uza kudibana ne’Australia emdlalweni wesibini emini ngoLwesine.