Ngosuku oluphambi kwetumente yehlabathi yombhoxo ebanjelwe eFrance, iinkampani ezintathu zibethe inkazathi zahlangula uSABC ehlazweni emva kokuba ethe akanayo imali yokubhatala uMultiChoice ukuze asasaze imidlalo. Ekuqaleni kweveki ephelileyo, uSABC wazise abantu baseMzantsi Afrika ukuba akazukwazi ukusasaza imidlalo yombhoxo yetumente yehlabathi eFrance ngoba akanayo iR37.7-million ebifunwa nguMultiChoice onamalungelo onke okusasaza imidlalo yombhoxo kumabonakude. Zizigidi zabantu abaphantse baphoswa kukubukela AmaBhokobhoko wabo xa ezama ukukhusela iNdebe yeHlabathi awayiphumelela kwilizwe laseJapan ngonyaka ka2019. Ngethamsanqa, uSouth African Breweries (SAB), uHollywoodbets noPineapple badibanise imali ephaya kuR58-million ($3-m) ukuze abantu abahluphekayo eMzantsi Afrika bakwazi ukubukela umbhoxo.
Ingxelo ithi kuye kwangenelela uMphathiswa weZemidlalo kaZwelonke, uZizi Kodwa, ukuze uMultiChoice athobe imali eqikelelwa kwiR96-million ebeyifuna kuSABC. Lishumi elinesithandathu lonke lemidlalo eliza kuvezwa nguSABC oyeke kwade kwangumzuzu wokugqibela phambi kokuthenga amalungelo okusasaza imidlalo yetumente yehlabathi. Isiqinisekiso sikhutshwe nguMultiChoice noSABC emalanga ngoLwesine weveki ephelileyo sele abantu benexhala lokuphoswa yimidlalo yelizwe labo. Imali ehlangule uSABC ehlazweni iza kubuya ngokuthi iinkampani zifake iintengiso kumaqonga wakhe (uSABC). “Sibone kufanelekile ukuba sibambisane nejelo losasazo loluntu ukuze abantu bakwazi ukubukela imidlalo yombhoxo. Besifuna kumanyane abantu ukuze sonke sixhase AmaBhokobhoko. Ibe sisigqibo esilula kakhulu kuthi esi,” utshilo uVaughan Croeser, okwicala leentengiso kwaSAB.
Yena umphathi kaPineapple Insurance, uNdabenhle Ngulube, uthe ukunika wonke umntu ithuba lokubukela imidlalo yeNdebe yeHlabathi yeyona nto ebaluleke kakhulu kubo. “Siziva siwongeke kakhulu kukufumana ithuba lokumanya isizwe phambi kokuqala kwetumente esisipili sobuntu bethu,” utshilo uNgulube. Emva kokuba uSABC evene ngexabiso noMultiChoice, uMphathiwa weZemidlalo ukwamkele ngovuyo okwenziweyo. “Ndisamkela ngovuyo isigqibo esiza kunika abantu baseMzantsi Afrika ithuba lokubukela iintshatsheli zehlabathi (AmaBhokobhoko) zikhusela indebe yazo kwitumente yehlabathi. Umdlalo unamandla okwakha ubumbano esizweni sonke. Siyibonile lo nto ngethuba siphumelele iNdebe yeHlabathi amatyeli amaninzi. Ukuba kunokwenzeka iSpringbok siphume kwangoko kwitumente yehlabathi, uSABC uza kuveza eminye imidlalo kude kugcwale inani lemidlalo ekuvenwe ngalo.