Ezemidlalo

UMolefi Ntseki uphawula ngedemesha eyenziwe ligowuli likaKhuliso Mudau

Pedro Mapelo|Published

UMolefi Ntseki ngumqeqeshi weKaizer Chiefs.

UMolefi Ntseki ngumqeqeshi weKaizer Chiefs.

Embalini yebhola ekhatywayo, igowuli elifakwe nguKhuliso Mudau emzuzwini wokugqibela soze lilityalwe ngabalandeli beKaizer Chiefs. UMudau ufake ngentloko igowuli elihle leMamelodi Sundowns ebambene ngegowuli elinye macala neKaizer Chiefs emdlalweni weMTN8 obuseFNB Stadium ngempelaveki egqithileyo. Noxa isiqingatha sokuqala, ebesiphethwe yiSundowns, singavelisanga nto ngaphandle kokonzakala kukaThemba Zwane – kodwa isigaba sesibini sivelise amagowuli. Amakhosi atsazise igazi kuqala ngebhola efakwe ngentloko nguEdson Castillo. Nakubeni Amakhosi ekwazile ukunyamezela izithonga zeSundowns – kodwa aye anikezela emzuzwini wokugqibela ngethuba uMudau efaka igowuli elinike iSundowns amandla phambi komdlalo wesibini oza kube useLucas Moripe Stadium.

Igowuli likaMudau lenze idemesha engasoze ilibaleke ngoba besekukho ithemba lokuba iChiefs iza kuya ePitoli inento eyiphetheyo esandleni. Oku kuvakaliswe nguNtseki emva komdlalo eFNB Stadium. “Sifumene igowuli ngexesha elihle – kodwa savumela ukufakwa kwegowuli kuthi ngelona xesha elibi,” utshilo uNtseki ecacisa emva komdlalo ngempelaveki. “Kula mizuzu emithandathu eyongezwe ngusompempe, bekumeluba siwuvalile umdlalo. Isicwangciso sethu ibikukufaka uNgcobo noSolomons ukuze sikwazi ukuvala onke amazibuko. Phambi kokuphuma kwebhola, kufakwe igowuli konakala yonke into. Siphoxekile ngoba besinesicwangciso sokuphumelela ekhaya,” utshilo umqeqeshi.

Uvumile kekambe ukuba isigaba sokuqala asihambanga ngendlela ebekuthethwe ngayo. “Senze impazamo efanayo naleya esiyenze emdlalweni weDStv Premiership – kodwa zikhona izinto ezincomekayo kulo wanamhlanje umdlalo. Kubalulekile ukwazi into oyifunayo xa uphethe ibhola. Ebekhona amaxesha ebesicinga kokuvala iSundowns endaweni yokuzama ukudala amathuba emdlalweni. Siye sayilungisa lo nto kwisigaba sesibini somdlalo. Ukuzithemba ebadlalini kuye kwafunquka. Ndicinga ukuba sidlale kakuhle kwisigaba sesibini,” utshilo uNtseki emva komdlalo. Amakhosi aza kudibana neSundowns emdlalweni weMTN8 ekulindeleke utake iintlantsi ePitoli ekuthambekeni kwale nyanga.