UKhuliso Mudau weMamelodi Sundowns wophule iintliziyo zabalandeli beKaizer Chiefs emdlalweni weMTN8 obuseFNB Stadium. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix
Uvuye okosana uRulani Mokwena emva kokuba iqela lakhe lifumene igowuli ekuhambeni. Oku kwenzeke emva kokuba iMamelodi Sundowns ibambene neKaizer Chiefs ngegowuli elinye macala emdlalweni weMTN8 obuseFNB Stadium emalanga namhlanje. Noxa uMokwena elivuyele igowuli elifakwe nguKhuliso Mudau oncede iSundowns kwixesha likasompempe – kodwa ukhale ngamathuba ayekwe liqela lakhe. Uphoxekile uMolefi Ntseki emva kokuba iChiefs iyeke igowuli selikhona ithemba lokuphumelela umdlalo edlale kakuhle kuwo kwisigaba sesibini. Kuyiwa emdlalweni wesibini iSundowns inamandla ngoba uxinizelelo lukwiChiefs ekunyanzelekileyo ukuba ifake igowuli emdlalweni oza kube usePitoli ekupheleni kwenyanga yoMsintsi. Isiqingatha sokuqala siqale ngesona santya esiphantsi. Bahleli emva abadlali beSundowns kubonakala ukuba bazama ukuyifunda iChiefs ekhe yangathi ingazama ukuya phambili.
Baswabulukile abadlali beDowns xa ziya emzuzwini weshumi kwisigaba sokuqala yamnyanzela uBrandon Petersen ukuba abambe ibhola. Emva koko, uAubrey Modiba ukhe watsala intambula yebhola ethe qelele – kodwa ngelishwa lakhe, iye yaphuma ecaleni kakhulu. Ithuba elihle lokwenza into ecacileyo liyekwe nguThemba Zwane okhabele ibhola phezulu emva kokunikelwa ibhola entle nguLucas Ribeiro obeyinkathazo. Ukuzithemba kuye kwanyukela kwiDowns ebikhokelwe nguRibeiro phambili. Okuye kwakubi kukukhutshwa kukaZwane okhatywe ebusweni nguYusuf Maart ngempazamo. Phambi kokuphela kwesigaba sokuqala, uPetersen ubambe ibhola embi ebisuka kuRibeiro. Amakhosi adlale kakuhle emva - kodwa abadlali abafana noMduduzi Mdantsane, uTebogo Potsane noPule Mmodi khange badlale kakuhle konke konke. Umthwalo ubusemagxeni kaMaart no-Edson Castillo esiswini ebesilawulwa nguTeboho Mokoena noMarcello Allende.
Abuyele ebaleni kwisigaba sesibini amaqela omabini efuna igowuli angakwazanga ukulifumana kwisigaba sokuqala. Kwakhona umdlalo ubulawulwa yiSundowns – kodwa bekukho umahluko ngenxa yokungabikho kukaThemba Zwane. ULesiba Nku, ongene endaweni kaZwane, uphose ithuba ejongene nonozinti kuphela. Emva koko, uCastillo ubhakuzelise umnatha ngebhola ayifumene ku-Ashley Du Preez. URonwen Williams, ongakhange akhatyelwe emdlalweni, akayibonanga ibhola kaCastillo. Inyuse umxakatho iSundowns ikhangela igowuli lokulinganisa. UPetersen uphinde wavala enye ibhola ebimbi kakhulu. Emva kokudlala umdlalo obhetele kwisigaba sesibini, iChiefs iyeke uKhuliso Mudau wafaka igowuli elihle ngentloko kwixesha likasompempe. Umdlalo uphele ebambene ngegowuli elinye macala eFNB Stadium ebinabantu abangaphezulwana kwamashumi amahlanu amawaka.