Ezemidlalo

AmaBhokobhoko axhabashela umdlalo olushica eBuenos Aires!

Pedro Mapelo|Published

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo ligalelekile e’Argentina – apho kulindeleke lifumane omnye umdlalo olushica onokulinceda njengokuba liqulunqa amaqhinga okukhusela iNdebe yeHlabathi. AmaBhokobhoko ahambe emva kokuba ebethe iArgentina ngongciphu ka’22-21emdlalweni obunzima ngendlela emangalisayo e’Ellis Park Stadium, eGoli, ngempelaveki egqithileyo. Kwelinye ilinge lokwakha iqela elomeleleyo, uDeon Davids unethemba lokuba AmaBhokobhoko aza kufumana uvavanyo aludingayo xa edibana ne’Argentina emdlalweni wokucweya oza kube useVelez Sarsfield Stadium ngoMgqibelo. “Sihambe ngorhatya emva komdlalo ngoMgqibelo, safika ngeCawe ekuseni. Abadlali baphumle ngaphakathi kwinqwelomoya. Kule veki, silungiselela umdlalo wovavanyo esilindele unike umdla kakhulu,” utshilo uDavids, olisekela lomqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo.

Emva kokuvala imidlalo yeRubgy Championship kwiveki ephelileyo, iSpringbok siya emdlalweni olandelayo kakubi ngaphandlwe kukaGrant Williams owonzakele umdlalo usaqala eGoli. Kodwa okuxolisayo kancinci bubukho bukaKurt-Lee Arendse obenzakele naye. Noxa abanye abantu benoluvo oluthi AmaBhokobhoko akadlalanga njengeentshatsheli emdlalweni ogqithileyo, yena uDavids uthi zikhona izinto ezintle ezenziwe liqela lakhe. “Oko xa sidlala nePumas, sisoloko sifumana umdlalo onzima. Ndibothulela umnqwazi ngokusoloko besilwela ukufumana iziphumo ezihle xa bedlala nathi. Kodwa kwicala lethu lamalungiselelo, akukho okunye esingakufuna ebadlalini bethu ngoba bazamile ebaleni. Sivavanywe ngendlela efunekayo njengokuba silungiselela ukuya kwitumente yehlabathi,” utshilo uDavids ekuqaleni kwale veki e’Argentina.

Abadlali abangamashumi amabini anesithandathu abahambileyo baza kudlalela ukuzophula ngoba ngoku kusondela ixesha lokuchongwa kwabadlali abaza kuya kwitumente yehlabathi. “Silindele umdlalo onzima kakhulu eBuenos Aires. Siza kudibana ne’Argentina ecinga ukuba kufanele iphumelele phambi kwezihlwele zabantu abaza kube bexhasa yona. Umdlalo wona uza kube lushica – siqhelene nezinto ezinjalo futhi oyasonwabisa umdlalo onjalo,” utshilo uDavids. Abantu abaninzi bajonge ukubuya kukaSiya Kolisi emva kokungadlaliswa emidlalweni yeRugby Championship ebekucingeleka ukuba anganikwa nokuba mnye. UKolisi, uKapteni weqela lesizwe lombhoxo, woonzakala kwiinyanga eziphelileyo. Kodwa ke kukho ithemba lokuba uza kuya eFrance kwitumente yehlabathi emva kokubonakala ezilolonga nabanye abadlali kwiiveki ezigqithileyo.