Njengokuba abadlali bamaqela besezinkampini [ngokohlukana kwamaqela] - apho balungiselela isizini yeDStv Premiership entsha, iKaizer Chiefs ikhuphe isaziso namhlanje emini maqanada esithi ilahlekelwe nguKhama Billiat. Ngokutsho kweChiefs, uBilliat yamgqibela ngomhla wamashumi amabini anethoba kwinyanga yeSilimela ku2023, eNaturena. Isivumelwane sakhe sengqesho kwiChiefs siphelelwe ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga ephelileyo. Lo nto ithetha ukuthi unethuba elingaphaya kweveki engaziwa ukuba uphi yiChiefs. Emva kokuphelelwa kwesivumelwano sakhe sengqesho, iChiefs imazisile ukuba ifuna ukumgcina kwakhona - kodwa zange kubekho mpendulo kwelakhe icala.
‘Abadlali beqela bonke basenkampini ngoku - kodwa yena akabonakali nakubeni bekulindeleke abe ndawonye nabo,’ itshilo ingxelo ekhutshwe yiChiefs kwikhasi layo lonxibelelwano, uFacebook. Ukuduka kukaBilliat kulandela emva kokwandiswa kwezivumelwano zabanye abadlali abaphambili kwiChiefs abaquka uSifiso Hlanti, Itumeleng Khune noNonkisingiphile Ngcobo. Indedeba yakwaBilliat, ephuma kwelaseZimbabwe ngokuzalwa, inethuba elide ingadlali ngenxa yokonzakala eyakufumana kunyaka ophelileyo isizini ka2022/23 isaqala. Bekulindeleke ibe phakathi kwabadlali ekuthenjelwe kubo nguMolefi Ntseki onikwe uxanduva lokuphelisa indlala yeendebe yeminyaka esibhozo eNaturena.
Kunokwenzeka ukuba kukuhamba kwakhe uBilliat kwiqela likaGqirha Kaizer Motaung ngoba uvumelekile ukuya nokuba kukweliphi iqela alithandayo. Kwa kwiveki ephelileyo, phambi kokuya eMpumalanga - apho Amakhosi azilolonga khona, uNtseki wamkele uThatayone Ditlhokwe osuka kwiSuperSport United, uGiven Msimango osuka kwiTS Galaxy, uEdson Daniel Castillo Garcia osuka eVenezuela, uPule Mmodi osuka kwiGolden Arrows noRanga Pinuel Chivaviro othengwe kwiMarumo Gallants ethotyiselweyo kwisizini ephelileyo. Nangona iPSL ingakalikhuphi uluhlu lwemidlalo yesizini ezayo - kodwa iChiefs iyazazi ukuba iza kudibana neCape Town City kwiMTN8 ekuqaleni kwesizini entsha eza kuqala kwinyanga ezayo.