Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, libhengeze umdlali walo omtsha wokuqala ekuqaleni kwale veki. UCraig Martin, owaziwa ngamendu nokufaka amagowuli, uza kuba lithemba likaMorgan Mammila kwisizini entsha ekulindeleke ukuba iqale kwisithuba senyanga esineveki. Le ndedeba yaseKapa ithathwe liqela elizinze eGqeberha emva kokungasetyenziswa kwayo nguJose Riveiro kwi’Orlando Pirates kwisizini ephelileyo. IPirates yamathatha kwiCape Town City etshisa esithi bhe phantsi kuka-Eric Tinkler.
Ngelishwa lakhe, eGoli izinto zifike zatshintsha. UMartin, 29, unikwa ithuba lokuvuselela isakhono sakhe sokudlala ibhola aziwa ngaso eMzantsi Afrika. Bezikhona iingxelo ezithi uMartin uza kubuyela kwiqela lakhe langaphambili eNtshona Koloni - kodwa iChippa United iye yenza umtsi omde, yamthathela kuyo. Kulindeleke ahlale iminyaka emibini eGqeberha emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho seminyaka emibini nonyaka omnye oxhonyiweyo.
UMartin wamkelwe ngezandla ezifudumeleyo nguMnu. Siviwe Mpengesi onguSihlalo weqela. “Siyakwamkela eGqeberha, ikhaya leChippa United,” utshilo kwingxelo ebhaliweyo epapashwe kwikhasi lonzibelelwano, uFacebook. “Sinethemba lokubona umsebenzi wakhe uza kwenza umahluko eqeleni njengokuba lijonge indawo kwasibhozo (Top 8) kwaphambili kwisizini ezayo,” itshilo ingxelo ebhaliweyo ekhutshwe yiChippa United. Kanti naye uMammila umamkele ngovuyo umdlali wakhe omtsha.
“Usiphathele amagowuli?, ndifuna amagowuli. Sinethemba lokuba amendu wakhe aza kuhambelana ncamashi nomdlalo weqela okhawulezayo,” utshilo uMammila oza kuqala isizini njengomqeqeshi oyintloko okokuqala kwiDStv Premiership. Kwisizini ephelileyo, wayishiya phakathi iChippa United izika nakubeni isiqalo sakhe sasisihle kakhulu. Waya kwiSwallows FC wayokuncedisa uMusa Nyatama. UMpengesi umbuyisile kwaye uthembise ngelithi uza kuba ngumqeqeshi wokuqala ogqibe isizini kwiChippa United edume ngokugxotha abaqeqeshi eMzantsi Afrika.