Zithe xibilili izibilini ebantwini abakwicandelo lamanqindi emva kokuvakala kweendaba ezithi uLudumo Lamati ubhetele futhi impilo yakhe iphucuke kakhulu. ULamati wangeniswa buphuthuphuthu esibhedlela sase’Ireland emva kokonzakala kwakhe ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga kaCanzibe emlweni weWBC silver featherweight awayesilwa kuwo noNick Ball. Le mbethimanqindi yaseMdantsane yawa kumjikelo wokugqibela (kowelishumi elinambini) eSSE Arena, eBelfast, kwinyanga ephelileyo. Ukusukela ngoko, uLamati ebegcinwe kwigumbi labantu abagula kakhulu esibhedlele. Kwiveki ephelileyo, kuvakele ukuba uLamati ungcono kakhulu kwaye noogqirha baye bamkhupha kwigumbi labagula kakhulu.
Iindaba ezincumisayo ngoku zithi uLamati uyakwazi ukungcambaza ngeenyawo zakhe. Umthelekisi okwangumphathi wakhe, uLarry Wainstein, ukhuphe ingxelo ebhaliweyo emva kokumtyelela esibhedlele kutshanje. “Umama kaLamati nenekazi athandana nalo baseBelfast emva kokuntingela khona kwiveki ephelileyo,” utshilo uWainstein kwikhasi lakhe lonxibelelwano. Kuthe qabu nakuye uWainstein emva kokubona uLudumo ekwimeko engcono kakhulu kunakuqala noxa engephili ngokupheleleyo. “Impilo kaLudumo iyaphucuka kakhulu. Uyakwazi ukuzinxibela iimpahla ngoku futhi uyakwazi nokungcambaza nakubeni engekakwazi ukuhamba umgama omde. Lide kakhulu ixesha elele ebhedini,” utshilo uWainstein weBoxing 5 Promotions.
“ULudumo akaphatheki kakuhle xa ethetha nam. Usoloko esithi uyaxolisa ngoba ucinga ukuba wandiphoxa ngokungawuphumeleli umlo wakhe. Yilo nto ebangela ndingathethi naye kakhulu. Ayihlali kakuhle kum indlela azisola ngayo ngoba zange andiphoxe mna. Ndamfunela umlo mna kuphela,” utshilo umphathi weBoxing 5 Promotions. Akukacaci ukuba uLamati uza kubuyela nini ekhaya. UWainstein uthembise ngelithi imbethimanqindi yakhe inayo indawo yokusebenza kwinkampani yakhe nokuba imeko yayo ithini na. Emilweni engamashumi amabini ananye, uLamati ebeqala ukubethwa ebomini bakhe njengembethimanqindi ekudidi oluphezulu. UNick Ball zange afune ukuyivuyela impumelelo yakhe eBelfast ngoba wayengaphathekanga kakuhle yinto eyenzeka kuLamati.