UPitso Mosimane ngumqeqeshi weAl wahda FC yase-United Arab Emirates. Umfanekiso: ©Ladjal Jafaar/BackpagePix
Emva kokufumana umsebenzi omtsha ngempelaveki egqithileyo, uPitso “Jingles” Mosimane uncwase ukuphumelela iindebe kwiqela lakhe elitsha. UMosimane utyikitywe yiAl Wahda FC yase-United Arab Emirates (UAE) njengomqeqeshi wayo omtsha. Oku kwenzeka emva kokuba le ndedeba yaseMzantsi Afrika incede iqela laseSaudi Arabia ekuthiwa yiAl Ahli lanyukela kwiSaudi Pro League. Nakubeni uJingles eyibeke kwindawo yokuqala iAl Ahli ebikwiSaudi First Division League, abaphathi bayo bamyekile wahamba. Bekungekuhlanga ncam ke kodwa kuMosimane nabancedisi bakhe ngoba iAl Ahli ibakweleta imivuzo yeenyanga eziliqela. Namhlanje iMT Sports Marketing and Management iqinisekisile ukuba uPitso Mosimane ufumene umsebenzi omtsha futhi uzimisele ukulwela ukufumana iindebe.
“Siliqumrhu elimele uMosimane, sinovuyo olukhulu ukuqinisekisa ukuqeshwa kwakhe yiAl Wahda FC. Esi sisiqalo esitsha kubomi bomqeqeshi owenze umsebenzi omhle kakhulu kwiminyaka egqithileyo ebholeni. Uza kuqeqesha kwiUAE Pro League nabancedisi bakhe uMaahier Davids, uKabelo Rangoaga, uMusi Matlaba, uKyle Solomon noHamad Alyami,” itshilo ingxelo yeMT Sports Marketing. Emva kokulahla kwakhe (uPitso) njengomqeqeshi weAl Ahli, bekukho amahumhum athi angaya kwiKaizer Chiefs ekhangela indoda enokungena endaweni ka-Arthur Zwane. Akukho nto yenzekileyo eMzantsi Afrika, ngoku uya kwilizwe lama-Arab. UJingles wazenzela umkhitha ebholeni ekhatywayo emva kokuvusa iMamelodi Sundowns eyagqugqisa iAfrika phantsi kwakhe. Emva koko, uye wathathwa yiAl Ahly yaseYiphutha - apho ahambe ephumelele iindebe ezintlanu eminyakeni emibini.
“Umqeqeshi nabancedisi bakhe bawamkele ngezandla ezishushu umsebenzi omtsha kwaye bazimisele ukuyibuyekeza iAl Wahda FC ngokuyinceda iphumelele iindebe,” itshilo iMT Sports Marketing. “Ndiziva ndiwongekile emva kokuchongwa kwam njengomqeqeshi weAl Wahda. Umbono weqela nezinto elifuna ukuzenza zezona zinto ezibe nomtsalane kuthi. Siqinisekile ukuba siza kuyizuza impumelelo ngoba inabadlali abasemgangathweni ophezulu iAl Wahda FC,” utshilo uMosimane. Ingqonyela yeMT Sports, uMoira Tlhagale, uyiqhwabele izandla inkampani yakhe eyiyo emele uPitso nabancedisi bakhe ngethuba leengxoxo neqela elitsha. “Siqinisekile ukuba uPitso nabancedisi bakhe baza kuwenza umsebenzi olindelekileyo kubo eUAE. Abaqeqeshi bethu banazo izakhono ezinokunceda iAl Wahda FC ibuyele kwindawo yayo kwiUAE Pro League,” utshilo uTlhagale.