Ezemidlalo

UMani waseGcuwa wenza iziqwenga kwiBaseball

Pedro Mapelo|Published

Asemahle Mani.

Asemahle Mani.

Kwiindawo zabantu abamnyama, imidlalo efana neBaseball ibikade ingekho kwa yona. Ngoku izinto ziguqukile. Kukhona ukuntshula kwayo okubonakalayo ngoba imidlalo emininzi abantwana bayifunda ezikolweni. Naye umfundi waseFort Hare University, uAsemahle Mani, udibene nayo iBaseball esikolweni - kodwa ngoku ungomnye wabadlali abenza iziqwenga. UMani, 22, wayeyibukela nje kuba idlalwa esokolweni. Zange ifike engqondweni yakhe into ethi angangumdlali weBaseball ngenye imini. Kodwa ngoku kuthethwa ezinye iindaba emva kokulukuhlwa kwakhe ziitshomi zakhe. “Ndandisoloko ndisiya emidlalweni yeBaseball - kodwa ndandingaqinisekanga ukuba ingangumdlalo onokudlalwa ndim,” utshilo uMani kwikhasi lomnatha naseFort Hare University.

“Kunyaka wam wokuqala eyunivesithi, bendingumbukeli weBaseball. Bendisiya kwiitumente zayo - kodwa ndisonqela ukuyidlala kakhulu,” utshilo uMani ebalisa ngohambo lwakhe kwiBaseball. Izinto zajika ngonyaka ka-2021 emva kokuba itshomi yakhe yaxelela abantu kwikhasi lonxibelelwano ukuba iyazilolonga emdlalweni weBaseball. “Umhlobo wam wandifaka kwiBaseball. Sathetha ixeshana elifutshane ngayo emva kokubuya kwakhe ejimini. Ndathi makhe ndizame ndakubona ngoko ukuba ndiqhuba njani,” utshilo uMani. Zange abenayo ingxaki, wawuthanda umdlalo ngoba wamkelwa kakuhle ngoogxa bakhe eFort Hare. “Noxa kwakusekutsha kuye, wakhawuleza ukuqhelana neBaseball ngoba wamkelwa kakuhle ngabadlali beFort Hare.

“Emva kweveki ndingenile, ndandijulela oogxa bam ibhola ngoba ndandingekayazi nemithetho yeBaseBall,” utshilo uMani, oqhelileyo ngoku nosele edlale neetumente ezinkulu ezifana ne-University Sports South Africa Tournament. Ngoku uMani uzama ukulola isakhono sakhe lokuhlasela ukuze abe ngumdlali ongcono. Kumvuyise kakhulu ukufumana amanqaku amathandathu kwutumente ebekhe wakuyo kutshanje. Uphantsi koxinizelelo ngoku ngoba nguye uKapteni weqela futhi kufuneka akhokele. “Kufuneka sijime kakhulu ngoba abanye abadlali badibana nayo iBaseball ngoku sebebadala. Ndiyazama ukunyusa umgangatho ngokuqinisekisa ukuba imithetho iyahlonitshwa nokukhuthaza ukuziphatha kakuhle,” utshilo uMani, olebele ngokuncoma umqeqeshi wakhe, uThembekile Blaai njengoyena mntu obabonise indlela.