UJose Riveiro we’Orlando Pirates noBrandon Truter weSekhukhune bexhage inNedbank Cup emva kwendibano eSandton, eGoli. Umfanekiso: ©Gavin BarkerBackpagePix
Ngorhatya lwangomso, abalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika baza kubukela umdlalo weNedbank Cup ekulindeleke ube nomtsalane kakhulu phakathi kweSekhukhune ne’Orlando Pirates. La maqela mabini aza kududlana okweenkunzi zegusha emdlalweni obalulekileyo oza kube useLoftus Stadium ebenecham lokusingatha umdlalo wokugqibela weNedbank Cup kulo nyaka. Nakubeni iSekhukhune iqale isizini ka-2022/23 ngendlela engancumisiyo - kodwa okuncomekayo kukuba ivala isizini kakuhle kakhulu.
Ukuba ingaphumelela indebe ngomso ePitoli, ingayinto enkulu kakhulu leyo kwiSekhukhune ezama ukuzibonakalisa njengeqela eliphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika. Umqeqeshi wayo, uBrandon Trute, uxelele iintatheli phakathi evekini ukuba yiPirates enethuba elihle lokuphumelela indebe yeNedbank. Nakubeni iPirates inabo abadlali abanamava abanokuyinceda - kodwa uTruter uzama ukuthi lala gusha ndikuchebe ngoba injongo yakhe kukuyonzakalisa akugqiba afumane ithuba lokuya kwiCAF Confederation Cup.
Ngomso uya ePitoli efuna ukuyibetha iPirates aphumelele indebe yakhe yesibini kwiPremier Soccer League. Ezimnyama zikhe zabethwa yiSekhukhune zadlala ntanganye komnye umdlalo weDStv Premiership kutshanje. Emdlalweni wokuqala, iSekhukhune United yayibetha iPirates ngamagowuli amabini eqandeni. Kowesibini adlala ntanganye ngegowuli eelinye macala amaqela. Umdlalo wokugqibela unika amaqela omabini ithuba lokuphakamisa indebe ekhatshwa zizigidi ezisixhenxe zerandi (R7-million).
Emva kokuba iPirates ivuthululele AmaZulu ngamagowuli amane emdlalweni weveki ephelileyo, uTruter uyibona njengelona qela eliza kuba namandla. “Xa ujonga indlela edlale ngayo naMaZulu, idale amathuba amaninzi kakhulu kwaye inomdlali ofana noThembinkosi Lorch oyingozi. Siza kuzama ukuqubisana noxinizelelo oluza kubekwa kuthi ngabadlali bePirates. Kufuneka sibe neqhinga lokulwa nadlali bayo abahlasela ngesantya esiphezulu,” utshilo uTruter, osajonge ukuphila kwabadlali abathile.
“Amalungiselelo ahambe kakuhle kakhulu kule veki. Okuseleyo kukuba singene ebaleni ngomso (uMgqibelo) ukuze siziqhelanise nalo. IPirates yeyona enethuba lokuphakamisa indebe yeNedbank Cup ngoba iqhube kakuhle emdlalweni wayo wokuvala isizini,” utshilo uTruter. Likhuthazekile nelakhe iqela ngoba livale isizini ngokubetha iSuperSport United latsho labethelela indawo yalo kwiTop 8. IPirates izama indebe yesibini emva kokuzuza indebe yeMTN8 kunyaka ophelileyo. Yona iSekhukhune izama indebe yayo yokuqala kwinqanaba ekulo ngoku. Amatikiti omdlalo athengiswe aphela ingakapheli neveki.