ULehlohonolo Seema uza kuba ngumqeqeshi weChippa United kwakhona. Umfanekiso: ©Ryan Wilkisky/BackpagePix
Iyazika inqanawe kaMnu. Siviwe Mpengesi, ngoku ukhangela nokuba ngubani ongamnceda ayihlangula. Ezothuse umzi kule veki isaqala ziindaba ezithi uMnu. Mpengesi uchonge uLehlohonolo Seema njengomqeqeshi oyintloko weChippa United emidlalweni emine ebalulekileyo neshiyekileyo kule sizini. Inguqu eyenziwe nguMpengesi ilandela ukubethwa kweChippa United ecanjalaliswe ekhaya yiSekhukhune United ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium kwiveki ephelileyo.
Kanti phambi koko, iChippa United iguqiswe phantsi ngamagowuli amathathu kwelinye yiMarumo Gallants emdlalweni weDStv Premiership obulidabi phakathi kwamaqela azama ukuphepha ukuthotyiselwa. Kuloo midlalo yomibini, imikhala ibixhuzulwa nguSiyabulela Gwambi waseGqeberha - ongene endaweni kaKurt Lentjies oye wathotyiselwa wayokuba ngumqeqeshi weChippa United edlala kwiDStv Diski Challenge. Yena uLentjies uye wakhonjwa emnyango emva kwemidlalo emine kuphela emgumqeqeshi nangona wayeyisindisile kunyaka ophelileyo.
UGwambi, obesoloko elisekela labaqeqeshi kwiChippa United, uqeqeshe imidlalo emibini kuphela wasuswa esikhundleni. Okhoyo ngoku mqeqeshi ngowesihlanu kwiiChippa. Kwaqalwa ngoDaine Klate owayeqale isizini. Indawo yakhe yathathwa nguMorgan Mammila ngoba uMpengesi wayesithi uKlate ulidlalisa ibhola embi iqela lakhe. Oyena mntu oyishiye isengxakini iChippa ngumqeqeshi wesibini, uMammila - noxa isiqalo sakhe sasisihle kakhulu. Phantsi kwakhe, iqela laseMpuma Koloni lidlale imidlalo engaphezulu kwesine ngaphandle kwempumelelo.
USeema unikwe uxanduva lokusindisa iChippa United ezembenzi xa kusongwa isizini ekupheleni kwale nyanga. Lo ngoyena msebenzi onzima ngoba iChippa ihleli kwindawo yeshumi elinesihlanu emva kokuqokelela amashumi amabini anesithandathu amanqaku emidlalweni engamashumi amabini anesithandathu eyidlalileyo. Kwisizini egqithileyo, kwale Chippa yasinde cebeshu emidlalweni yokuxabangela - kodwa uMpengesi ukhetha ukusebenzisa imiqheliswa yabaqeqeshi endaweni yokukhangela umqeqeshi onamava obenokuthatha iqela lakhe alibeke endaweni entle.