UKeegan Richie weMaritzburg United noYusuf Maart weKaizer Chiefs FC emdlalweni weDStv Premiership obuseHarry Gwala Stadium. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix
Baza kulala bencumile abalandeli baMakhosi emva kokuzuza impumelelo ebalulekileyo ebusuku namhlanje. Amakhosi abethe iMaritzburg United ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weDStv Premiershi obutaka iintlantsi eHarry Gwala Stadium. Umdlalo ububaluleke macala omabini ngoba iKaizer Chiefs ilwela ukufumana indawo yesibini xa kuphela isizini, kanti yona iMaritzburg izama ukusuka endaweni embi emsileni. Ayitshaye isaqhuma Amakhosi kwa kwimizuzu yokuqala emdlalweni. Abhakuzelise umnatha ngebhola efakwe nguKeagan Dolly ofumene ibhola entle ku’Ashley Du Preez oshiye amadoda kwaqhiyaza nonozinti weMaritzburg United.
Emva kwemizuzu emibini, uChristian Saile Basomboli ufake igowuli elihle ngebhola ayifumene esizikithini sebala. Umdlalo udlalwe ngesantya esiphezulu kakhulu ngamaqela omabini. Ilwe kwakuko nayo iTeam of Choice. URafiq De Goede ufake igowuli ngentloko endaweni uBrandon Petersen ebevale kuyo. Emva koko iMaritzburg iquqe ibuyelela emhlabeni weChiefs. Emzuzwini wamashumi amane, uAmadou Soukouna ufake igowuli elihle ngebhola ebibekwe phantsi kufuphi nomhlaba kanozinti. Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela elingana ebhodini ngamagowuli amabini macala. Ekuqaleni kwesigaba sesibini, amaqela omabini aqale apho ayeke khona kwisigaba sokuqala.
UYusuf Maart noSiyethemba Sithebe baye baxakeka kakhulu kwisigaba sesibini - kodwa uDolly noMduduzi Shabalala bebengayekanga ukuhlasela. Kuthe xa kushiyeke ishumi elinesihlanu lemizuzu kuphele umdlalo, iChiefs iye yafumana ipenela emva kokuwiswa kukaDu Preez ebhokisini. UMaart uyivalele emnatheni ibhola yatsho yaphumelela iChiefs elwela indawo yosibini ukuze ikwazi ukubuyela kwimidlalo yeCAF Champions League. Lo nto. Kodwa ngeke kube ngumsebenzi olula ngoba iSuperSport United ihleli kwindawo yesibini. Ngoku iChiefs iya lingana ngamanqaku nePirates ehleli kwindawo yesithathu. Nayo igacele indawo yesithathu kuba inganakuyifumana iMamelodi Sundowns eza kuthatha indebe kwakhona.