Sonwabo Nogqala
Iphondo leMpuma Kapa lihamba phambili kwicala lokuvelisa iimbethimanqindi. Lo nto ihambelana ngqo nendlela eliteketiswa ngalo ethi ‘liphondo leengqwele.’ Kutshanje, kutyunjwe iqela labemidlalo eza kumela uMzantsi Afrika emidlalweni yeOlimpiki kwindibano ebibanjelwe eDundee, KwaZulu-Natal. Iqela liqulathe abantu abangamashumi amabini. Ishumi elinanye labantu kuloo mashumi amabini baphuma kweli phondo lethu. Emidlalweni yamazwe angamathanga, uMzantsi Afrika uza kuthumela abadlali abathathu. Ababini kubo, baphuma apha eMpuma Kapa. Amaqela esizwe wabantu abatsha kulo nyaka eze nodumo kwiitumente ebeziseLesotho naseMalawi. Nalapho, iimbethimanqindi beziphuma kweli phondo lethu. Ngoku sinenjinga entsha kraca, uTesetso Matikinca, ophumelele kwitumente ebiseMaputo, eMozambique, kulo nyaka.
Ukuba ndingabala iinjinga eziphuma kweli phondo, kungasa ndizibala. Uninzi lweembethimanqindi luvunjululwe kwiindawo zokuzilolonga ezingekho semgamgathweni. Siyazi ke noYesu wazalelwa esitalini samashe kodwa lo nto ayithethi asinasiguqula isimo seembethimanqindi zethu. Xa ujonga kweminye imidlalo engenaziphumo eziza neembasa ezifana nathi, yona ineendawo ezingcono zokuzilolonga nokudlala. Ewe, singayikhomba kumbuso wengcinezelo, kodwa kufuneka sidlule apho sikhangele umkhombandlela. Zonke ezi mpumelelo sakuzikhomba ukuba asibhinqi omfutshane, silungise iindawo zokudlalela nezokuzilolonga. Ngoko ke kufuneka senze ntoni ukuze sibe neendawo zokuzilolonga. Nangona sijamelene nemicelimngeni efana:
Sinkqonkqoze kuzo zonke iziseko zorhulumento ezifana nesebe lezeMfundo, ooMasipala, isebe lezeMidlalo noRhulumente wephondo.
Phambili ngentsebenziswano yokuza neendawo zokuzilolonga nezokudlala.