Ezemidlalo

Iduda ndawonye iChippa United ebambene neCape Town City ngorhatya namhlanje

Pedro Mapelo|Published

Iduda ndawonye iChippa United emva kokungaphumeleli imidlalo emithandathu yonke ilandelela. Oku kulandela ukubambana kweChippa United neCape Town City ngegowuli elinye macala (1-1) emdlalweni weDStv Premiership obutshisa eNelson Mandela Bay Stadium ngorhatya lanamhlanje. Noxa ifumene inqaku elinye emdlalweni wanamhlanje – kodwa akukho namnye umntu onokugxeka abadlali bayo iChippa United, indlela abadlale ngayo ibincomeka kakhulu. Bekungelulanga ukudibana neCape Town City etyelele eMpuma Koloni emva kokubetha iPirates ngamagowuli amabini kwelinye kwiveki ephelileyo. Aqale ngokucweya amaqela kwisigaba sokuqala. Bekungekho qela elifuna ukulahlekelwa kwangoko emdlalweni – kodwa ngokuhamba kwexesha amaqela aye aswabuluka.

Iindwendwe zophise kuqala kwisigaba sokuqala somdlalo ngebhola edlalwe nguBrice Ambina yabetheka kuJustice Chabalala yangena emnatheni. Ukufumana kwayo igowuli kuqala iCape Town City ibingumvuzo wokudlala kakuhle kwayo kwisigaba sokuqala. UBertrand Mani uphantse wafaka igowuli lesibini leCity – kodwa ngelishwa lakhe, uLoydt Kazapua ebethe qwa ezipalini zeChippa United. Phambi kwexesha lokuphumla, uMorgan Mammila ukhuphe uDiego Appoollis no-Andile Mbenyane. Iindawo zabo zithathwe nguEtiosa Ighodaro noSiphelele Luthuli. Khange kube kudala, uEtiosa Ighodaro ufake igowuli lokulinganisa ngebhola entle ayifake ngentloko. Elo ligowuli eliyikhuthaze kakhulu iChippa ebihlasela macala onke kwisigaba sesibini somdlalo.

Bobabini oonozinti, uKazapua noDarren Keet, benze umsebenzi omhle kakhulu ezipalini. Amathuba okuphumelela umdlalo ebekhona macala – kodwa oonozinti abavumanga abethwe amaqela wabo omabini. Inqaku elinye ligcine iCape Town City phakathi kwamaqela akwiTop8. Kanti yona iChippa United ihleli kwindawo yeshumi kwiDStv Premiership. Omabini amaqela anamanqaku angamashumi amabini. Noxa uEric Tinkler eye eGqeberha efuna impumelelo – kodwa uza kuwamkela umtsi owenziwe liqela lakhe elikhe lahlala emsileni ixesha elide ngenxa yokungaqhubi kakuhle emidlalweni yokuqala kwisizini eqhubekayo. Umdlalo uphele kungekho qela eloyisiweyo. Kweminye imidlalo: Stellenbosch 0-1 Sekhukhune, Marumo Gallants 0-2 Richards Bay, Orlando Pirates 3-1 Golden Arrows.