Ezemidlalo

UMorgan Mammila ukhala ngeChippa ephise ngomdlalo kwiSundowns

Pedro Mapelo|Published

USipho Mbule weMamelodi Sundowns noSiphesihle Mkhize weChippa United emdlalweni weDStv Premiership obuseLoftus Versfeld Stadium. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

USipho Mbule weMamelodi Sundowns noSiphesihle Mkhize weChippa United emdlalweni weDStv Premiership obuseLoftus Versfeld Stadium. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weChippa United, uMorgan Mammila, uthi iMamelodi Sundowns iphumelele kuba iqela lakhe liyiphe amagowuli ingawasebenzelanga. Oku kuthethwe nguMammila emva kokuba iChippa United ibethwe yiSundowns ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obuseLoftus Stadium ekuqaleni kwale veki. Igowuli elifakwe nguThabiso Lebitso aliyincedanga iChippa ebisukela iSundowns ehambe phambi emdlalweni ngamagowuli afakwe nguTebogo Mokoena noPeter Shalulile obenethuba elide engadlali ngenxa yokonzakala kwakhe. Kwiintsuku ezigqithileyo, uMammila ube ngundabamlonyeni emva kokuxelela amajelo eendaba ukuba akunzimanga ukudlala neSundowns equnqela egoqweni kwanto ephinziza phambi kwayo.

Idlalile yona iChippa United ngoba iDowns ayikwazanga ukudlala ngendlela yayo yesiqhelo. “Amakhwenkwe wam ebezokwenza into enye apha: ukudlala ibhola, enye into andiyazi. Sidlale kakuhle – kodwa abadlali bam bayiphe amagowuli iSundowns ingawasebenzelanga,” utshilo uMammila, oza kujongana neCape Town City emalanga ngoMgqibelo, eGqeberha. Kwisigaba sesibini somdlalo, iChippa iwuthathele kuyo umdlalo. Ihlasele macala onke kwaye inyanzele abadlali beDowns ukuba bayokuvala emva bonke. “Bekufanele ukuba silifumene igowuli – kodwa andifuni ukukhalazela oosompempe – ngoba ngomso iza kuba ndim oxhamlayo kwiimpazamo zabo,” utshilo uMammila uyivuseleleyo iChippa nangona esengumqeqeshi omtsha.

Kwelinye icala, uRulani Mokwena uwamkele amanqaku amathathu azuzwe liqela lakhe noxa ebengonelisekanga yindlela elidlale ngayo ebaleni. Nangona kunjalo, yenze imbali ngokuphumelela imidlalo elishumi ilandelelana phantsi kukaMokwena owathatha iintambo kuManqoba Mngqithi owathotyiselwayo. Ihleli phezulu iSundowns kwaye akubonakali ngathi likhona iqela elakuyibhukuqa kwindawo ekuyo. “Mandivuyisane neSundowns ebethe iqela ebelizimisele ukusibetha nyhani namhlanje. Umsebenzi wenziwe liqela lonke – kodwa indlela esidlale ngayo yona ayincomeki,” utshilo uMokwena. Emva kokuqokelela amashumi amane amanqaku, iDowns iza kudibana neSuperSport United emdlalweni olandelayo kwidabi lasePitoli ekuqaleni kweveki ezayo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: AmaZulu vs Kaizer Chiefs @Moses Mabhida Stadium, 19:30

Mgqibelo: Orlando Pirates vs Golden Arrows @Orlando Stadium, 15:30; Stellenbosch FC vs Sekhukhune United @Danie Craven Stadium, 17:30; Chippa United vs Cape Town City @Nelson Mandela Bay Stadium, 17:30

Cawa: Swallows vs TS Galaxy @Dobsonville Stadium, 15:30; Maritzburg United vs Royal Am @Harry Gwala Stadium, 17:30

Mvulo: Mamelodi Sundowns vs SuperSport United @Loftus Versfeld Stadium, 18:00