Umdlali weQatar, uAbdelkarim Hassan no-Ismaila Sarr weSengal, emdlalweni weFIFA World Cup obuse-Al Thumama Stadium namhlanje. Umfanekiso: EPA/Noushad Thekkayil
Iintshatsheli zeAfrika, iSenegal, zitywatyushe iQatar ngamagowuli amathathu kwelinye (3-1) emdlalweni wetumente yehlabathi obutshisa eAl Thumama Stadium emalanga namhlanje. Ukuphumelela kweSenegal kuyinika amandla okulwela ukuya kwisigaba esilandelayo setumente yehlabathi xa idibana ne-Ecuador emdlalweni olandelayo. Nangona iQatar iye emdlalweni iyokulwela ukungakhutshwa kwangoko kwitumenete yehlabathi – kodwa uxinizelelo belukwiSenegal kakhulu ngoba ibonwa njengelona qela laseAfrika elingenza ngcono kwitumente yalo nyaka. Umqeqeshi weSenegal, uAliou Cisse, uzohlwaye kakhulu emva kweempezamo ezikhokelele ekubethweni kweqela lakhe yiNetherlands ekuqaleni kwale veki.
Namhlanje uye emdlalweni efuna ukulungisa iziphene nokubuyisa isidima seSenegal. Isigaba sokuqala siphele iSenegal ihamba phambili ngegowuli elifakwe nguBoulaye Dia. Abadlali abafana noJakobs Ismaila noMendy bakhe bazama ukuyishukumisa iQatar ebizimisele ngendlela emangalisayo namhlanje. Abadlali beSenegal baqhubele phambili nokuyicinezela iQatar kwisigaba sesibini somdlalo. Injongo yama-Afrika ibikukufumana igowuli lokuphumelela umdlalo akugqiba atshixe. Kubalulekile ukuphawula ukuba abadlali beQatar bazilwele, ingakumbi kwisigaba sesibini – ngoba nangona bebesemva ngamagowuli – lona ithemba lokufumana igowuli belikhona.
USalaby noDiedhiou ngabanye wamadoda aqinisekise ukuba iSenegal ayonakalelwa emdlalweni wanamhlanje. UFamara Diedhiou ufake igowuli leSenegal lesibini. Emzuzwini wamashumi asixhenxe anesibhozo, uMohammed Muntari ufake igowuli elihle leQatar. Igowuli liyihluphezile (iQatar) layinika nethemba lokufumana elinye – kodwa uCheikh Dieng ucime kwaloo ntlantsi yethemba ngokufaka igowuli lesithathu leSenegal kwaphela ngayo iQatar kwindebe yehlabathi. Ngokuza iza kudlala neNetherlands simahla ngoba seyibethwe emidlalweni emibini kuGoup A. ISenegal, ebe liqela lokuqala eliphuma eAfrika, iza kulwela ukubetha iEcuador emdlalweni olandelayo ukuze iye phambili – kodwa naleyo iya kuxhomekeka kweminye imidlalo kaGroup A.