Ezemidlalo

Uzityand’ igila uDan “Dance” Malesela ngokubangele ashiye iRoyal AM

Pedro Mapelo|Published

UDan Malesela noKhabo Zondo ngabaqeqeshi beRoyal AM. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

UDan Malesela noKhabo Zondo ngabaqeqeshi beRoyal AM. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kweenyanga ezimbalwa emkile, uDan Malesela ubuyele kwiMarumo Gallants kwakhona kule veki. Oku kwenzeka emva kokuba ebeke phantsi njengomnye wabaqeqeshi beRoyal AM kwiveki ephelileyo. Waqeshwa kanye phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo nguMamkhize efika kukho uKhabo Zondo abesebenza ngokubambisana naye. Ekuqaleni khange icace eyona nto ebangele uMalesela alinikele umva iqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu-Natal – kodwa kuye kwacaca kule veki. “Ndibone ukuba mandihambe. Ukusebenza ngokubambisana kwabaqeqeshi asinto endiyithandayo mna. Kubakho izinto endingakwaziyo ukuzenza ngoba sisebenza sibaninzi,” utshilo uMalesela ethetha nesikhululo sikanomathotholo.

“Akungaba kubekho ukuphikisana ngento ethile phakathi kwethu (singabaqeqeshi) – kodwa bekuza kuthatha ixesha elide ukuze iqela lidlale ngendlela endifuna ngayo mna. Yiyo lo nto ndibone ukuba mandihambe,” utshilo uMalesela. Ubuyele kwiGallants awayishiya kungekuhlanga kwisizini egqithileyo nangona yajika kwisigaba sokugqibela seNedbank Cup. “Kwabalilishwa ukuphela kwesivumelwano sengqesho sikaDan Malesela sabe nathi (siliqela) sikhangela umqeqeshi. Emva kweengxoxo, sibone ukuba masiphinde simamkele njengomqeqeshi weMarumo Gallants,” utshilo uAbram Sello, usihlalo weqela.

UMalesela uthatha indawo eshiywe nguRomain Folz waseFrance ohambe ekhala ngoHarris Chueu awamtyhola ngokufaka impumlo emsebenzini wakhe. UFolz wabhengeza ukulahla kwakhe kumajelo endaba kwiiveki ezidlulileyo – kodwa iMarumo Gallants yathi ayazinto. Emva koko yazibhekelisa kwiintetha ezenziwa nguChueu ngomqeqeshi. Ufika ngexesha elibi uMalesela iMarumo Gallants isakhangela impumelelo yayo yokuqala emva kwemidlalo esibhozo eyidlalileyo kule sizini. Inamanqaku amathandathu ebhodini emva kokudlala ntanganye emidlalweni emithandathu emva kokubethwa kwemibini. Ngomhla wesinye kwinyanga ezayo, iGallants iza kudibana neTS Galaxy emdlalweni weDStv Premiership oza kube useMbombela Stadium.