Yingozi umlilo, mafama

Iigusha ezitshileyo.

Ngazo zonke iindlela, umlilo uyingozi kwaye uyingxaki kumafama kuba ubangela ilahleko engenakuthetheka minyaka le, ngakumbi kumafama asaqalayo.

Ziigusha ezingaphezulu kwekhulu ezitshe zafa ngumlilo kuQumbu logama ezinye zilimele kabuhlungu kule ntlekele. Le ntlekele yenzeke kwaWadi 17 kuMasipala waseMhlontlo, nethe yashiya amafama ekhedamile ngenxa yelahleko.

Kuthiwa umlilo uqale ecaleni kohola wendlela uN2 kufutshane nelali yaseMahlungulu. Ukuntunyekwa komlilo kumathafa atya impahla kusoloko kubangela ilahleko engenakuchazwa.

Lo mlilo untunyekwe ngumntu ongaziwayo kwithafa elitya iigusha, iinkomo neebhokhwe, kodwa kuba iigusha azikhawulezi ukuzikhupha engozini njengezinye, ngezona zitshe kakhulu.

Iigusha ezitshileyo.

Okona kuyilahleko ngamandla kula mafama kukuba eli lixesha lokuzala kwemfuyo efana neegusha, ngoko ke uninzi lwezi gusha zifileyo apha ziigusha ezimithiyo ngaphandle kwamathandabuzo.

Oku kuthetha ukuba umfama ulahlekelwe kaninzi ngenxa yokuba igusha ifile kwakunye netakane ebeliza kongeza umhlambi wakhe.

Wambi kula mafama axhomekeke ngokupheleleyo kwimfuyo yawo, logama amanye ethenge ezi gusha ngemali yokugqibela.

Eziseleyo iigusha zitshe ngohlobo lokuba xa zibanjwa ifele ziya muncuka okubonakalisa izinga lokutsha kwazo. Amafama wala ndawo akhangela uncedo lokuba akwazi ukukhusela ezo zithe zasinda kulo mlilo.

Amafama anezixhobo ayazikhusela iinkampi zawo ngokuthi alime indinyana ecaleni kwecingo, ukuze ungahambi umlilo ezinkampini zamafama.

Amafama alimayo nafuyayo alahlekelwa ngokumandla minyaka le ngenxa yeentlekele ezibangelwa ngumlilo. Ngenxa yemililo, kuyatsha ukutya emasimini, logama umhlaba ulahlekelwa zizithako ezichumisayo.