ULusanda Mkhwanazi ngumfama wobisi kwakunye neenkomo zenyama eCookhouse, eMpuma Koloni, emva kokufunda banzi ngezolimo nokufuya kwikholeji yodumo iCedara, eKZN.
“Ndineminyaka emithathu ngoku ndisebenza ndifundiswa ukuzimela phantsi kweliso lenkampani iJust Milk Group, sisebenza ngeenkomo zobisi apho,” kutsho uMkhwanazi.
Uthi kubalulekile ukuba umntu ofuna ukusebenza njengomfama aqiniseke kuqala ukuba ngenene unawo umdla kwakunye nobizo lwezolimo.
“Okona kubalulekileyo kukuthatha ixesha lakho uzixhobisa ngolwazi nokuqiniseka ukuba ngenene unguye umfama, kuba ukulima nokufuya kuyakunika isothuso,” uhambisa atsho uMkhwanazi.
Ukhuthaza amanye amafama asakhulayo njengaye ukuba enze konke ukuqinisekisa ukuba ngenene akulungele ukuba ngabafuyi nabelimi ngokunjalo. “Ukunqanda iimpazamo kubalulekile ukuba uqalise ukusebenza phantsi kweliso elibukhali labo sele benamava kulo mcimbi apha, ngokwenza njalo ziyakuncipha iimpazamo ozenzayo,” ucacisa atsho uMkhwanazi.
Ngaphandle kokufuya iinkomo zenyama nobisi, uMkhwanazi ukwavelisa umbona ophinda umncede ukondla imfuyo yakhe. “Akhona amaqonga afana neAgriculture and Young axhobisa ngokukodwa amafama asakhulayo, amafama mawangene kwikhasi labo ukuze afumane ulwazi apho,” ukhuthaza ngelo uMkhwanazi.
Uthi ukungxama kungabangela ukuba umfama alahlekelwe kuba esebenze ngaphandle kolwazi neengcebiso ezizizo.
“Kusebenzisa imali eninzi ukulima nokufuya ngoko ke akubalulekanga ukuba wenze impazamo, kodwa xa uxhobe ngolwazi iimpazamo zimbalwa endleleni yakho,” uvalelise ngelo uMkhwanazi.
IZIMVO | Zingafunda iinkokheli zehlabathi kuTrump