Ishishini leebhokhwe likamva mafama

Iibhokhwe zezinye zezilwanyana ekudala zifuywa ngamafama asezilalini. Oku kungenxa yokuba kulula kwaye kuyathandeka ukufuya iibhokhwe kwifama encinane elingana nekhaya. Ixabiso lebhokwe linika umdla kakhulu xa uthelekisa neentsuku zakudala.

Minyaka le ixabiso lebhokhwe liyenyuka, kwaye abantu bazithenga yonke imihla iibhokhwe kuba bayazidinga.

Ukufuya iibhokhwe kunethamsanqa lokuba iibhokhwe ziyakuhlala zithengwa njengoko ziyinxalenye yempilo yoluntu.

Ngenxa yamasiko nezithethe zabantu, iibhokhwe ziyinxalenye ebalulekileyo yempilo yabantu baseAfrika. Inyama yebhokhwe yenye yezinto ezithengiswa kwimveliso yeebhokhwe ukuze kwenziwe ingeniso.

Kodwa amaxesha amaninzi amafama athanda ukuthenga iibhokhwe ngeenjongo zokuzifuya emakhayeni okanye kwezoshishino. Kukho iindidi ngeendidi zeebhokhwe ezifumaneka kwiifama ezahlukeneyo kweli.

Ibhokhwe emhlophe yeyona isetyenziswa kakhulu kumasiko nezithethe ingakumbi kwintlalo yesizwe samaXhosa. Kwizizwe ezifana namaZulu, kusetyenziswa eminye imibala yeebhokhwe kumasiko nezithethe.

Ambalwa amasiko esintu enziwa agqitywa ngaphandle kokusetyenziswa kwebhokhwe. Kuthiwa esi silwanyanga sasikho kweli kwangexesha labaThwa ababeyibiza ngokuba yiNgcawe ngenxa yobumhlophe bayo.

Kukho uhlobo lwebhokhwe ekuthiwa yiSaanen, yona evelisa ubisi olusemgangathweni oluzisa imali kumfama. Olu hlobo lwebhokhwe alufane lubonwe kumafama asezilalini, oku kungenxa yolwazi nokungafumani amathuba okujikeleza kwezinye iindawo.

ISaanen ihamba yodwa kwimveliso yobisi kwihlabathi kuba idalelwe ukuvelisa ubisi kuphela. Umzimba wayo ongemkhulu uyakwazi ukuthwala amabele ayo ahlala ezele ubisi yonke imihla. Oku kuthetha ukuba amafama mawaqalise ukukhangela ulwazi malunga nokufuya iibhokhwe ukuze afakele iibhokhwe kumsebenzi wawo.

Azidingi kunyangwa ngamayeza njengeegusha nezinye izinto ezifuywa efama. Kaloku iibhokhwe ziziphilela ngokutya indibanisela yamachiza asuka emithini yasendle. Ukudibanisa imithi enezithako zempilo efana nomnquma, intlungu nyembe nezinye licebo lokuphila kwiibhokhwe.