Imveliso yeembotyi yenye ebaluleke ngamandla kwezolimo kuba zisoloko zikhona kwizidlo ezityiwa emakhayeni, zithengwa yonke imihla luluntu xa luthenga izinto zasekhaya.
Nazi ke iingcebiso ngeendlela zokulima iimbotyi mfama ukuze uzibone uphumelela kumsebenzi wakho. Imbotyi ezi zizindidi ezininzi, kodwa uninzi lwazo ziphila ngokufana xa zityaliwe nangona zifuna amaqondo ahlukeneyo.
Uninzi lweendidi zembotyi zityalwa ngempumelelo kwindawo ezinamaqondo aphakathi kweshumi elinesixhenxe ukuya kumashumi amabini anesixhenxe obushushu. Imbotyi azidibani namaqondo aqabela kumashumi amathathu ngobushushu, kwaye neqabaka azidibani nayo.
Yimvula ephakathi kwamakhulu amathathu eemilimitha ukuya kumakhulu amane eemilimitha. Uninzi lwemveliso zembotyi zivunwa xa kusebusika, kuba kulula ukuzivuna xa komile kuba nazo zomile.
Iimbotyi zityalwa lula kumhlaba otyetyisiweyo okwaziyo ukwamnkela amanzi ngaphandle kweengxaki ukuze uhlale uthambile.
Kubalulekile ukuba umfama ahlale etyala ezona mbewu ziphambili ngokwahlukana kweembewu ngokuhambela nomhlaba wakhe. Umhlaba wokutyala iimbotyi kumele ukuba ulungiswe kwisithuba seeveki ezimbini ukuya kwezine phambi kokuba umfama atyale iimbotyi zakhe.
Qinisekisa ukuba izichumiso zakho zendalo zingene ngokwaneleyo zacujwa zacolwa ngumhlaba wakho phambi kokutyala mfama. Ukutyalwa kweembotyi kumele ukuba kuhambelane nexesha lokuqalisa kwemvula ukuze zityalwe umhlaba ufumile.
Izityalo zakho mazifumane ithuba lokuphefumla ngokuba uzityale kumgama ongamashumi amane anesihlanu eesentimitha phakathi kwazo.
Iimbotyi zityalwa lula phakathi kombona nangona zibangela umsebenzi omninzi kuba zizibophelela kumadiza ombona. Umgquba wemfuyo yasefama usoloko ulungile ukuba usetyenziswe ukutyebisa umhlaba wakho mfama.
Phantse onke amazwe ehlabathi ayazithengisa iimvelizo zembotyi ezityalwa kwihlabathi, kwaye uninzi lamazwe ehlabathi ayazilima imbotyi kuba kulula ukuzilima.
Ilizwe loMzantsi Afrika alikho kumazwe ahamba phambili ukuvelisa iimbotyi kwihlabathi, kwilizwekazi laseAfrika lilizwe laseTanzania, Uganda, kunye nelaseKenya.
Ilizwe laseNdiya lihamba phambili ngokuba lelona livelisa iimbotyi ezininzi kwihlabathi ngezigidi ezithandathu zeetoni.
IZIMVO | Zingafunda iinkokheli zehlabathi kuTrump