Owayesakuba ngumdlali wombhoxo kweli, uBakkies Botha, uthi amava nolwazi alufunde ngethuba edlala umbhoxo luyafana nolwazi namava afunekayo kwezolimo.
UBotha ngomnye wabadlali bombhoxo beli abazikhethele ezolimo nokufuya njengendlela yokuphila emva kokushiya kwezemidlalo.
“Ukudlala umbhoxo kundinike ithuba lokuba ndijikeleze kwihlabathi ndibone abantu ngabantu, amasiko nezithethe ezahlukeneyo, kodwa ayikho indawo efana noMzantsi Afrika,” kutsho uBotha.
UBotha uqalise ukuba ngumfama oqinileyo emva kokuba ethathe umhlala phantsi kumdlalo wombhoxo kwaye ngoku unabisa iimpiko zakhe ngamandla kwezolimo.
“Ulimo nokufuya ayiyonto yamagwala, ifuna amagorha namakhalipha ngokufanayo nomdlalo wombhoxo, umdlalo wombhoxo nezolimo ziyazalana,” kuqhayisa uBotha. Uthi ezolimo zihamba neengxaki zazo njengazo zonke ezoshishino.
“EKalahari, ndinefama eyondla iinkomo zenyama, ndiyalima umbona namandongomane ukuncedisana nesondlo seenkomo zam,” utsho uBotha. UBotha unendawo enkulu yokondla imfuyo eBela-Bela kwiphondo laseLimpopo.
“Kwiinzame zokukhulisa isivuno sam, ndangena kwisivumelwano nabakwa’AgriCo baza bandinceda ngoomatshini bokunkcenkceshela amasimi am, isivuno satsho saphucuka,” kutsho uBotha.
Uthi ngenene kuninzi ukuzalana phakathi komdlalo wombhoxo nezolimo kuba mihla le umfama ugagana neengxaki ezithi zifune ukunikwa ingqwalasela.
“Zifana kakhulu ezolimo nomdlalo wombhoxo kuba mihla ujongana nemiceli mngeni emitsha, konke oko kufunisa ukuba uqine ungabuyi ngamva kuba kufuneka uyokufika kwinjongo yakho,” kucacisa uBotha.
Lo mdlali uthi ujonge ukudlala indima yakhe ukudala amathuba emisebenzi kweli loMzantsi Afrika kuba uyalithanda eli lizwe loMzantsi Afrika.
“Ukusebenzisana, ukucwangcisa nokuhlonela abanye abantu zizinto eziphambili ezibangela ukuba uzibone uphumelela ngaphandle kweengxaki,” kutsho uBotha.
Ngo2007, uBotha wayeyinxalenye yeqela lamabhokobhoko elaphumelela indebe yehlabathi yombhoxo.
UDonell Mbele otyholwa ngokudlwengula ukhululwe ngebheyile yeR1000