Amanzi ngundoqo xa ufuye iinkomo

Amanzi ngundoqo xa ufuye iinkomo.

Amanzi ayinxalenye yesicwangciso sokulawula imveliso yeenkomo zakho mfama nanjengoko eyinxalenye yesidlo senkomo imihla ngemihla. Abaluleke ngokufanayo nokutya ezikutya yonke imihla khona ukuze ziphile ngokufanelekileyo.

Amanzi abaluleka ngamandla kwiinkomo ezifuywa ngeenjongo zokuvelisa ubisi okanye ukwakha umzimba wenkomo.

Oku kuthetha ukuba xa ungumfama weenkomo kufuneka uqinisekise ukuba amanzi akhona kwaye anele efama yakho.

Inkomo enye isela amanzi aqikelelwa kwilitha ezingamashumi amathathu ukuya kumashumi amahlanu ngosuku.

Oku kuxhomekeka nakwimeko yamaqondo obushushu ngosuku ngalunye nanjengoko zisela ngamandla xa amaqondo ephezulu.

Ngaphandle kokuba amanzi eselwa zizilwanyana zasefama, amanzi abalulekile kuba akwasetyenziswa ukucoca nezixhobo zokusenga, iindawo zokuhlala iinkomo nezinye izixhobo.

Amanzi abaluleke ngoku kodwa kwiinkomo xa kuthelekiswa nezinye izilwanyana ezifuywe efama nanjengoko impilo yeenkomo ixhomekeke ngamandla emanzini.

Ukucolwa kokutya esiswini senkomo kwenzeka lula nakakuhle xa inkomo isela amanzi aneleyo ngosuku. Kwiimeko ezinobushushu obugqithileyo amanzi ancedisa umzimba wenkomo ukulawula iqondo lobushushu. Ngamashumi asibhozo eepesenti ekhulwini umyinge wamanzi owenza igazi lenkomo nganye.

Ukunqongophala kwamanzi emzimbeni wenkomo kungabangela ukuba ukuba inxanwe ide ife inkomo. Ikwangamanzi ngenxa yemvula enza ukuba kubekho ingca emadlelweni ukuze zitye zisele iinkomo. Mhla ngembalela kubonakala iinkomo zilele emadlelweni ziphelelwa ngamandla zide zife, kuba amanzi ngundoqo kwimfuyo.

Kubaluleke kakhulu ke ukuba umfama enze amacebo okugcina amanzi akhoyo ukuze akwazi ukujongana nemeko ezinzima ezinokuvela ngenxa yemozulu eguqukayo. Lo macebo aquka ukuzigcinela amanzi kovimba ukuze mhla ngengxaki ungaxakeki mfama.