Amafama weCherry anethemba lesivuno

Amafama weCherry anethemba lesivuno. Umfanekiso: Adil Celebiyev StokPhoto/Shutterstock

Nangona amasimi wecherry kweli agagene nengxaki yengqele kanye ngexesha lokuqandusela kwemithi, amafama wecherry anethemba lesivuno. Enye yeenkampani eziphambili ezivelisa iziqhamo eziquka icherry, iTru-Cape, ithi inethemba lokuba iza kuba nesivuno esingcono kunyaka ozayo u2025.

Kuthiwa yimithi eqikelelwa kumashumi amane eepesenti ekhulwini ethe yahlaselwa yingqele emandla ngenxa yeemeko zokutshintsha kwemozulu kweli.

UNico Verhoef ngumcebisi wezimali kwaWitzenberg Properties, uthi ngenene sikho isivuno abazakusifumana, kodwa asinakufika kwiqondo ebebelilindele.

“Ubukhulu bamagaqa bukhulile kunonyaka ophelileyo, kodwa umgangatho wegaqa elinye awufani neminyaka yanga phambili,” kutsho uVerhoef.

Uthi nangona kunjalo banethemba lesivuno esihle kuba ixesha lisekhona lokuba izinto zingajika kwindlela aqhuba ngayo amagaqa wabo emithini.

“Siza kunyanzeleka ukuba nathi sitshintshe amaxabiso ethu, sinyuse ixabiso ngokuhambelana nenkcitho esiyenzileyo kwakunye nobukhulu nomgangatho wegaqa elinye lecherry,” kutsho uVerhoef.

Icherry sisiqhamo esisetyenziswa ngabaninzi njengesidlo logama bekho abo bayisebenzisa njengesithako kwiimveliso zezithambiso.

Abakwa Tru-Cape bathi imveliso yabo yecherry ithengiswa kweli loMzantsi Afrika ngomyinge wamashumi asixhenxe ekhulwini leepesenti.

UJohan Brink nguMphathi wakwaTru-Cape, kwaye ngomnye wamafama anethemba lokuba ngenene baza kuvuna icherry esemgangathweni.

“Nangona ilizwe loMzantsi Afrika livelisa ipesenti enye kuphela ekhulwini xa kuthelekiswa nehlabathi, kodwa likhona ithemba lokuba konke kuza kuhamba kakuhle,” kutsho uBrink. Uthi baqale ukuthengisa icherry yabo kumazwe akuMbindi Mpuma nalawo aseMpuma yehlabathi.

“Amafama wethu axhamle kakhulu kwimveliso yonyaka ophelileyo ngokuthengisa kumazwe afana neMelika, ngoko silindele ukukhula kwemveliso kulo nyaka ngaphandle kwamathandabuzo,” uvale ngelo uBrink.