Entsimini

Unyulo laseMelika kumafama aseAfrika

Siyabulela Mqikela|Published

Ngomhla wesihlanu kwinyanga ezayo, iMelika iza kuya kunyulo lukazwelonke apho uDonald Trump eza kukhuphisana noKamala Harris onguSekela Mongameli kwela lizwe. Unyulo laseMelika linefuthe elimandla kwiindawo ezininzi zehlabathi, ingakumbi kwilizwekazi laseAfrika.

Nokuba uyathanda okanye akathandi, uMongameli oza konyulwa ngabantu baseMelika, uza kuchaphazela amazwe ehlabathi. Abavoti baseMelika babonakala bevota ngokusekelezelwe kwimibutho ngaphandle kokulandela imigaqo-nkqubo yalo mibutho.

Oku kuthetha ukuba imigaqo-nkqubo eza kumiselwa ngulowo uza kungena iza kusebenzisa ngcono okanye kakubi amafama ehlabathi. Uninzi lwamafama aseAfrika aza kuchatshazelwa ngamandla ziinguqu zolu voto kuba asoloko efuna iindlela zokuthumela iimveliso zawo eMelika.

Zikhona kwaye zininzi iimveliso zala mafama ezithunyelwa eMelika, ngoko olu lonyulo luza kunceda amafama ukuba umntu oza kuphatha uza kwenza iinguqu ezihambelana neemfuno zamafama aseAfrika.

Imfazwe eqhubeka eMbindi Mpuma ngoku inganqumama ukuba uyathanda uMongameli oza kungena emva kolu voto, le mfazwe ithintela ukuhamba kwemithwalo yamafama ngokukhululekileyo.

Ngaphandle kwamathandabuzo, imfazwe yaseUkraine eqhubeka phakathi kwela lizwe nelizwe laseRashiya nayo ikwaxhomekeke ngamandla kolu lonyulo. Kaloku le mfazwe ifudunyezwa yinkxaso yeMelika kwilizwe laseUkraine.

Amafama waseAfrika awakwazi ukuthumela iimveliso zawo kumazwe amaninzi akwicala laseUkraine ngenxa yale mfazwe. UTrump yena umile kwelokuba mayiphele imfazwe phakathi kweRashiya neUkraine, oko kuthetha ukuba zingavuleka iingcango kumafama xa enokuphatha uTrump.

Okothusayo kukuba uHarris akavakali ukuba uthetha uthini ngokumayela nemigaqo-nkqubo nangezi mfazwe zisokolisa ihlabathi.

UTrump kwelinye icala ukhuthaza ukuba abantu baseMelika bathenge iimveliso zaseMelika, okuthetha ukuba angacutheka amathuba okungena kweemveliso zolimo zeli eMelika.

UTrump uphethe ilizwe laseMelika ukusukela ngonyaka ka2016 ukuya kunyaka ka2020, kwaye kukho abo bamthandayo eMelika. Xa kuthethwa ngamazwe amafama weli anqwenela ukuthengisa kuwo kuxelwa ilizwe laseMelika.

Ukutshintsha kwemigaqo-nkqubo yaseMelika kuya kuchaphazela kakhulu imeko yezemali yehlabathi, kuquka namafama, ingakumbi kumazwe asaqinisa iimeko zabo zezimali, njengamazwe aseAfrika.