Emva kokutshisa kwelanga okugqithisileyo okubonakele kuninzi lweendawo zelizwe neMpuma Koloni amafama sele efuna ukulaqaza ngenxa yobushushu obugqithisileyo. Isanuse sezulu esizimeleyo uJohan van Den Berg uthi akukho sizathu sokuxhalaba kumafama.
Uninzi lwamafama kwiindawo zeMpuma Koloni zigagene nobushushu obugqithisileyo de kwezinye iindawo umbona wabonisa iimpawu zokutsha.
Amaqondo obushushu enyuke ngokungaqhelekanga kwiindawo ezininzi eMpuma Koloni, Mntla Ntshona naseLimpopo kweziveki zimbini zigqithileyo.
Kunqabile ukubona ilanga lifika kumashumi amathathu anethoba eMpuma Koloni ingakumbi ngelixesha enyakeni.
“Le meko izakuchaphazela iindawo zoMzantsi Afrika kwakunye nelizwe laseNamibia, kwaye oku kuzakunceda isivuno sasebusika,” kutsho uVan Den Berg.
Ekuqaleni kwalo nyaka imvula inethe ngokuqhelekileyo, kodwa ukuqala kwenyanga yoMdumba kuthathe iiveki ezintathu ukutshisa kwelanga.
Ukutshisa kwelanga ngelixesha kubambezela ngamandla ukukhula kwezityalo eziquka umbona, amathanda kwakunye neetapile.
“Akukho mvula ilindelekile kule nyanga yoMdumba kude kubesembindini kwinyanga yoKwindla,” kutsho uVan Den Berg. Oku konke kubangelwa yimikhuba ehamba nemeko yezulu ebizwa ngokuba nguEl Nino ebangela imeko ezingaqhelekanga zemozulu.
“Inyanga yoKwindla izakuphela imvula inetha oko kulindeleke ukuba kuncedisane ngamandla nezolimo ezixhomekeke kwimvula yendalo,” kutsho uVan Den Berg.
Nangona kukho le mvula izayo kukho iindawo ezizakuhlala zingenamvula ingakumbi kwilizwe laseNamibia. “Incinci imvula elindeleke kwingingqi ezikumazantsi wedolophu yaseWindhoek, kwiindawo ezifana neMariental incinci kakhulu imvula ezakuna apho,” kucacisa uVan Den Berg.
Uhambisa athi lemvula iza kwelicala lamazantsi weAfrika idudulwa kukufuma okusuka kumazwe afana neZambia, Angola kwakunye neTanzania.
“Kulindeleke ukuba le meko iqhubeke igalela imvula kumazwe akumazantsi weAfrika ngokufana noLa Nino, oko kuthetha ukuba ngeenyanga zasebusika izakuba khona imvula,” uvale ngelo uVan Den Berg.
Umbona kuninzi lweendawo zeMpuma Koloni ubusele ubonakalisa ukutsha ngenxa yelanga elimandla elitshisayo.
Kumafama atyale umbona ekuqaleni kwalo nyaka le mvula izakwenza ukuba umbona ukhule ugqibezele ngokufanelekileyo.