Entsimini

Inkomfa yenzululwazi nezolimo

Siyabulela Mqikela|Published

UMphathiswa uThoko Didiza.

UMphathiswa uThoko Didiza.

Ibhunga elijongene nophando ngqangi ngezolimo kweli libambe inkomfa libambisene nesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kuzwelonke okokuqala kwimbali yalo. Oko lasekwayo eli bhunga alizange libambe inkomfa yolu hlobo ngokusebenzisana neli sebe.

UMphathiswa wesebe lezolimo nophuhliso lwamaphandle kweli uThoko Didiza wabelane ngeqonga kwakunye nomphathi weAgricultural Research Council (ARC) uGqirha Litha Magingxa bexhobisa amafama.

Ethetha malunga nale nkomfa uDidiza uthi kufike ixesha lokuba kusetyenzwe nzima ukukhulisa ezolimo. “Ingxaki zemozulu eguqukayo, iimfazwe zehlabathi, ukumoshakala kokutya nezinye ke iingxaki eziphazamisa ukuveliswa kokutya zinyanzelisa ukuba kwenziwe inguqu kwiindlela zokulima,” kutsho uDidiza.

UGqirha Litha Magingxa ngumphathi ekwangumongameli weARC kuzwelonke.

Kulindeleke ukuba le nkomfa igqibelise ngomhla weshumi elinesine kule yoMdumba emva kweengxoxo nezigqibo ezizakuthatyathwa ukunceda amafama.

Umxholo wale nkomfa uthi, ‘Kuguqulwa iindlela zokuvelisa ukutya kusetyenziswa inzululwazi.’ Eli bhunga lenza umsebenzi omhle wokuhlala lisenza uphando ngqangi ngemicimbi emininzi echaphazela ezolimo nokufuya.

Iingcali ziyavumelana ukuba ngaphandle kophando ngqangi ulimo nokufuya alinakuhambela phambili.

Iwaka lamagosa ebezimase le nkomfa aquka iingcaphephe zezolimo, amafama nabanye abachaphazelekayo kwezolimo.

UGqirha Sonia Venter weARC uthi injongo yabo ngale nkomfa kukulungiselela ikamva. “Le yinkomfa yokuqala elolu hlobo phakathi kwethu nesebe lezolimo, injongo kukuvula amaqonga ohlukeneyo ukuphucula inkqubo yokuveliswa kokutya ngeendlela zala maxesha,” kutsho uVenter.

Amafama aphuma kwiinkalo ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika abonise iimveliso zawo kule nkomfa ngelizama ukuzikhuthaza.

Ngamafama angamashumi amane anesithathu amawaka abila esoma evelisa ukutya kumasimi weli ukuze kutyiwe emakhayeni woMzantsi Afrika mihla.

Amafama welizwe loMzantsi Afrika ajongene nengxaki yokucima kombane okubangela ilahleko emandla. Uninzi lwamafama lusebenzisa umbane ukunkcenkceshela kunye nezinye izixhobo ezihambelana nobuchwephesha.

Kulindeleke ukuba le nkomfa ivalwe ngokunikisa ngeembasa kwabo badlala indima ebalulekileyo kwezolimo, ingakumbi kuphando ngqangi ngezolimo.