Uninzi lweendawo zeMpuma Koloni zihlaselwa yimbalela ebangela ukutsha kwengca nezityalo eziquka imifuno etyaliweyo. Oku kuthetha ukuba amafama kufuneka atshintshe indlela enza ngayo nacinga ngayo kwezolimo.
Enye yeendlela zokutyala kwimbalela kukuphungula inani lezityalo ozityalayo, ukuzitshintsha nako kubalulekile. Kukho izityalo ezityalwa ziqhube kakuhle xa kukho imvula, kukho ezo ziqhuba kakuhle kwimbalela. Xa ilanga litshisa ngamandla izityalo nazo ziyatsha kuba zidinga amanzi.
Le nguqu ibalulekile ke mafama kuba ibangela ukuba ukwazi ukutyala izityalo ezihambelana nembalela leyo. Entsimini okanye igadi yakho kukho iindawo ozaziyo ukuba zityebe ngendalo, okanye ezo zivelisa ukutya ngaphandle kokusebenzisa amanzi amaninzi. Imbalela ibangela ukuba amanzi emvula angabikho, amanzi asuka emvuleni abangela ukuchuma okumandla kwizityalo.
Sebenzisa izichumisi mfama ukuze zincedisane namanzi owafaka kwizityalo zakho. Nkcenkceshela ekuseni izityalo zakho lingekaphumi ilanga, uze uphinde emva kwemini unkcenkceshe sele litshonile ilanga.
Ukuba unazo izibane ungatyala nokuba sele kurhatyele. Kubalulekile ukuba uthethe namagosa ezolimo, iingcali zokulima ezikhoyo kwindawo yakho mfama.
Olu lwazi lungakunceda ukuba utshintshe izinto oqhele ukuzityala, utyale ezo zifanelekileyo. Kukho izityalo ezihambelana nqo nembalela, ezo zizityalo ezingadingi manzi maninzi.
Iitapile zezinye zezityalo onokubhenela kuzo mfama ukuzama ukulwa ukunqongophala kwamanzi. Iitapile ungazinkcenkceshela kubekanye ngeveki, kwaye iitapile azidingi manzi maninzi ukuze ziphumelele.
Ziyalithanda ilanga, kodwa lingagqithisi, azidibani nengqele xa sele lingaphandle komhlaba igqabi lazo. Ungazifaka ngokuzincedisa ngesichumiso esizakusebenzisana nawe ukukhulisa iitapile zakho.
Khumbula ukuba iinyanga zokuqala zonyaka zibanelanga eligqithisileyo kwiindawo ezininzi zeMpuma Koloni. Iindawo ezikumbindi weMpuma Koloni zezona zibasengxakini ngenxa yalemeko.
Lungisa umhlaba ngokwaneleyo ke mfama ukuze zikhule ngaphandle kweengxaki iitapile zakho. Kaloku amagada abangela ukulibaziseka nokukhobozeka kwizityalo zakho.
Imifuno efana netswele yenye yezinto onokuyitlala ngempumelelo mfama, nalo alisebenzisi manzi maninzi, kodwa liyawuthanda umhlaba olungisiweyo ukuze likhule.
Lithanda ilanga okanye ubushushu obaneleyo nalo nje ngeetapile. Liyakwazi ukuziqhubela ngaphandle kokufuna amanzi rhoqo, ithontsana lamanzi elifike kwitswele lenza umahluko.
Ukutyala ezi zityalo kwenza ukuba ukwazi ukonga amanzi ngaxeshanye ke mfama. Phungula umyinge womhlaba olima kuwo, indlela olima ngayo neezinto ozisebenzisayo ukulima.
Ukudibana kwamafama asebenzisane ngeendlela zokuvelisa amanzi. Ukugrumba amanzi ngendibanisela yamafama ukuze kubekho oovimba bamanzi. Musa ukumosha amanzi mfama, tshintsha indlela yokunkcenkcesha izityalo zakho, funda iindlela ezintsha zokunkcenkcesha.