Entsimini

UThixo, ulimo nomfama

Siyabulela Mqikela|Published

UAngus Buchan.

AbaseCaweni bathi uThixo lo luthando, amafama ahamba phambili ukubonisa ke uThixo luthando kwizilwanyana nezityalo zabo imihla ngemihla.

Amafama ngabantu bokuqala ukukholelwa kuThixo, akholelwa ukuba imvula neemeko zonke zenzeka ngenxa kaThixo. Ingekafiki iBhayibhile, awalapha eAfrika amafama ayebonisa ukumazi nokuthembela kuye ngeemveliso zawo. Ngoku thanda nokukhathalela izityalo zawo, amafama ngabanye babantu abaphila ngokuThixo.

Ungaweva xa eqalisa imicimbi yawo amafama, aqinisekisa ukuba kuyathandazwa xa kusungulwa iintlanganiso zawo. Kulo mthandazo kulindelwe ukuba lowo ukhokele ngomthandazo abulele imvula kuThixo, aze aphinde acele imvula ngoku njalo.

Ukubonisa ubuThixo bawo amafama azikhathalela, azithande kakhulu izityalo zawo nemfuyo ngoku njalo. Ithi inkolo yamafama awunakoyiswa kukukhathalela imfuyo nezityalo zakho, uze ukholelwe ukuba uyazana noThixo.

Amafama akholelwa ukuba uyathandwa nguThixo umfama othanda usapho lwakhe, imfuyo yakhe kwakunye nezityalo zakhe.

UThixo, ulimo nomfama zizinto ezihamba kunye, enye ayinakwenza nto ngaphandle kwenye. UMfundisi Angus Buchan ngumzekelo wokufundisa nokukhuthaza amafama ukuba azane noThixo ukuze aphumelele kwezolimo.

UAngus Buchan.

UBuchan ngumfama weendidi zonke, umbhali kwakunye nomvangeli oshumayela ilizwi likaThixo. Ujikeleza ihlabathi eshumayela kuluntu nakumafama ngokunjalo ekhuthaza ulimo oluhamba nobuThixo.

Kukho ingxoxo ehlala ikho ke ingakumbi phakathi kwamafama amnyama ethi umfama akanaku ngena emasimini ngomhla weCawa, wambi kumafama awakholelwa koku.

Iinkolo ke zamafama zahlukene, amanye akholelwa ngokobuKrestu amanye ngesiNtu. Lawo akholelwa ngesiNtu akholelwa ukuba makhahlonitshwe uYehova, kodwa ahambisa nezinto ezithethwa yiBhayibhile.

Anelungelo lokukholelwa kwinto akholelwa kuyo, anelungelo lokungahambisani nezimvo ezibhalwe eBhayibhileni. IBhayibhile ayayiqinisa into yokuba ngosuku lesixhenxe makungasetyenzwa.

Amafama afuna ukusebenza yonke imihla yokudla kwawo ubomi. Inkolo yesiNtu yona iyawavumela amafama ukuba asebenze, kodwa ikhuthaza ukuthandwa kwentsapho, ukuhloniswa kwamasiko nezithetha nokuthandwa kwemfuyo nezityalo ngamafama.

Ungawabona amafama wenkolo yesiNtu xa enikela ngenxenye yesivuno kwikomkhulu, oku kusenziwa ngeenjongo zokubulela uYehova. Lo mnikelo wamafama ugcina ikomkhulu ukuba incede abahlali abangathathi ntweni entlaweni.

Amafama wenkolo yesiNtu aphinda asile utywala emakhayeni ebulela kumdali wawo. Oku konke kuthetha ukuba iinkolo zamafama ziyinxalenye yolimo nokufuya, awanakuphumelela eshiya ngasemva iinkolo zawo.

Ngoko ke mafama yazini ukuba xa uthanda izityalo zakho, intsimi yakho, umhlaba wakho, izilwanyana zakho uthanda uThixo kwaye uyathandwa nguThixo.