Entsimini

‘Kukho imali kwezolimo’

Siyabulela Mqikela|Published

UMbuso Vilakati esenza into ayithanda kakhulu ukulima.

UMbuso Vilakati esenza into ayithanda kakhulu ukulima.

UMbuso Vilakati (36) ngumfama osemtsha kwelase Swatini uvelisa imifuno ekwa ngumsunguli wenkampani yezolimo.

“Ndikwa ngumnikazi wenkampani iAgri-Tech Solutions, ndisebenzisa umhlaba ozihektare ezilishumi elinesibini,” kutsho uVilakati.

Ukuveliswa kokutya okuninzi ngokulima kumazwe akumazantsi weAfrika nakwiAfrika sisisombululo kwingxaki yamaxabiso aphezulu nokunqongophala kokutya.

“Ndiqale ukulima ngonyaka ka2015, kwaye ndigxile ngamandla kwimveliso yemifuno ezindidi, ndijonge ukukhula ngamandla,” utsho uVilakati.

Uthi okona kumqhube ngamandla nokumkhuthaza ukuba alime luthando lakhe lezolimo. “Okokuqala ndiyakuthanda ukulima, yeyona nto ndiyithanda ngamandla le ikukulima, okwesibini ke ndiqaphele ukuba abantu abatsha bamthathela phantsi umntu ongumfama,” utsho uVilakati.

Uthi uninzi lolutsha luthi ukulima nokufuya yinto yabantu abangafundanga okanye abantu abadala. “Ndisebenzela ukuba nditshintshe le ngcinga yokuba ulimo yinto yakudala okanye yinto engaphucukanga, ndizama ukuvala esosikhewu phakathi kwabantu abatsha nezolimo,” kucacisa uVilakati.

Uhambisa athi kuninzi ekumele ukuba kufundiswa abantu abatsha kweli lamazantsi weAfrika ngokulima.

“Kukho imali kwezolimo, ulimo yindlela yokwenza imali atsho ubani akwazi ukuzikhulisa nokuziphuhlisa,” kugadlela uVilakati.

Amazwe aseAfrika ingakumbi akumazantsi weAfrika asaxhomekeke kwiimveliso zolimo ezivela kumazwe angaphandle kweli.

“Zininzi kakhulu iingxaki abajongene nazo abantu abatsha apha kumazantsi weAfrika, ngoko ke mabazame ukuba baqaphele ulimo nje ngenye yeendlela zokulwa ezo ngxaki,” kubongoza uVilakati.

Ukungabikho kwemisebenzi kubangela ukunqongophala ezipokothweni zabantu abaninzi emhlabeni, ukungoqophala kwemveliso zolimo kunyusa ixabiso lokutya.

“Iingxaki zokunqongophala kwemisebenzi, zichaphazela izinto ezininzi kwimpilo yabantu, abantu bayabhubha, imeko yeentsapho iyatshintsha imihla ngemihla, ngoko masisebenzise ulimo ukusa ilizwe phambili,” utsho uVilakati.

Uhambisa athi ukukhula kwezolimo kuzakutshintsha ngamandla imeko yentlalo kwakunye neempilo zoluntu ngokubanzi.

“Asinamali yokuthumela abantwana ezikolweni, imali yokunakekela abazali bethu nayo ayikho, ngoku ke asiphuhli ngoluhlobo besifuna ngalo, makulinywe kufuywe ngabantu abamnyama,” ucenga esitsho uVilakati.

Zikho zininzi iimpawu zokuba abantu abatsha bangena ngamandla kwezolimo kumazwe aseAfrika, kwaye oku kungabangela ukuguquka kwemeko yezimali.

“Ndicela abantu ingakumbi ulutsha lunganikezeli, koko bahlale bezama ukukhula kwezolimo nokufuya, amandla woqoqosho laseAfrika axhomekeke kakhulu kulimo,” utsho uVilakati.

Ukuqalisa umsebenzi kwezolimo yeyona ndlela isa empumelelweni ngaphandle kokuthatha ixesha usenza amacebo, kutsho uVilakati. Iinkokheli zamazwe aseAfrika zihlala zithembisa ngokuxhasa iinkqubo zamafama asakhulayo afana noVilakati.

Imifanekiso kaVilakati nemveliso yakhe:

Emasimini eqhayisa ngekhaphetshu lakhe uMbuso Vilakati.
UMbuso Vilakati ematasatasa emasimini.
UMbuso Vilakati egadini yatumata yakhe.
Imveliso kaMbuso Vilakati evenkileni.
Umhlaba kaMbuso Vilakati.
Ikhaphetshu likaMbuso Vilakati.